Iliwa libhekumoya kumashishini asakhasayo njengoko lizakonyuka ixabiso lombane

Ngu Lungani Zungu

Ukunyuswa kwentengo yombane kunye nokumiliselwa kwesigaba sesithandathu sokucinywa kombane, kubeka amashishini asakhasayo phantsi koxinizelelo kangangokuba abanikazi bawo banoloyiko lokuba banganyanzeleka ukuba bavale iingcango.

USizwe Msomi uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba inkqubo kacimi-cimi wombane eqhubayo iyalidodobalisa ishishini lakhe lokulungisa amavili emoto, eliseMlazi kumazantsi eTheku. 

“Eminye yemitshini endiyisebenzisayo idinga umbane ukuze isebenze. Qho kuhamba umbane ngenxa kacimi-cimi, ndinyanzeleka ukuba ndivale. Andinalo ithemba lokuba ishishini lam lizakumelana nalo cimi-cimi uqhubayo kwisigaba sesithandathu,” utshilo uMsomi oqeshe abantu abathathu abasebenza isigxina kwishishini lakhe.  

USthabile Ngcobo naye uthe ikamva lifiliba kwishishini lakhe lokulungisa iinwele eliseSipingo eThekwini ukuba inkqubo yokucinywa kombane iqhuba ngaphandle kwenzame zokuyinqanda. 

“Ndithetha njenawe ishishini lam livaliwe kuba asinawo umbane. Oku kuthetha ilahleko kwishishini. Lento ibuhlungu kuba ngamashishini amancinci afana nelam asokololayo. Asinokwazi nokuthenga igenerator kuba asinamali yoneleyo,” utshilo. 

UNgcobo wavula ishishini lakhe kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo, kwaye njengoko kulindeleke ukuba konyuswe ixabiso lokuthengwa kombane ngenyanga kaTshazimpuzi kunganyanzeleka ukuba malivale ishishini lakhe. 

“Ukuba inkqubo yokucinywa kombane iqhuba ngesisantya, ndizakunyanzeleka ndiyivale ivenkile,”Utshilo. 

Ukanti umnikazi wendawo yokuhlamba iimoto eProtea Glen eSoweto, uthathise kwikhasi lezonxinbelelwano uTwitter evakalisa ukukhathazeka kwakhe ngenxa yokumiliselwa kwesigaba sesithandathu sokucinywa kombane. 

“Ndibongoza urhulumente wethu ukuba alungise uEskom okanye amashishini amaninzi azakunyanzeleka avale, nto leyo izakubangela ukuba abantu abaninzi baphelelwe yimisebenzi,” ubhalile. 

Iqumrhu elijongene nolawulo lwezamandla kweli iNational Energy Regulator of South Africa (Nersa) iyivumele inkampani ephehla umbane kweli uEskom ukuba yonyuse intengo yombane ngomyinge ka18.65 yepesenti, emva kokuba uEskom wayefake isicelo sokuba umbane wonyuke ngomyinge ka32 weepesenti kunyaka ophelileyo ngenyanga yoMsintsi. 

Lenkampani iphehla umbane ingxelo yayo yabonakalisa ukuba ilahlekelwe yimali efikelele ku12,3 billion yeeRandi kunyakamali ophele ngenyanga yokwindla kunyaka ka2022, nalapho yachaza ngelokuba lemali izakunceda ukubhatala isikweleti sayo.

“Kuyabonakala ukuba uEskom kunye neNersa ziyahambelana [ngemibono] yokuba zonke iinzame kufuneka zenziwe ukuphucula ukufumaneka kwamandla adingekayo kwizikhululo zokuphehla umbane zikaEskom,” itshilo lenkampani isamkela ukuphunyeleliswa kwesicelo sayo sokunyuswa kwentengo yombane.