
Ngu Everson Luhanga
Owasetyhini oneminyaka engamashumi amane ananye, wazama ukuphucula ubomi bakhe ngokufumana isidanga sobutitshala ngelixa esebenza njengomcoci kwisikolo samabanga aphezulu iBoitumelong Secondary School eTembisa, Ekurhuleni – apho asebenze khona iminyaka engamashumi amabini anesine.
Emva kokufumana isidanga sakhe sobutitshala kumabanga aphantsi ukusuka kwibanga lokuqala ngqa ukuyotsho kwibanga lesithathu, uLindiwe Mnisi waseTembisa wayecinga ukuba iphupha lakhe lokusebenza njengotitshalakazi lizakufezeka.
Kodwa oko wathweswa esisidanga ngonyaka ka 2016, uLindiwe akazange akhe ufumane umsebenzi. ULindiwe uthe ithemba lokufumana umsebenzi liya liphela ngokuphela.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa kwiofisi yomsebenzi wakhe wokucoca kwisikolo iBoitumelong Secondary, uthe uyabathanda abantwana abancinci kwaye unothando lokwabelana ngolwazi nabo ngokubafundisa.
Kuleminyaka ingamashumi amane anesine idlulileyo, uLindiwe ubesebenza njengomcoci wesikolo iBoitumelong Secondary – inkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini, uPhanyaza Lesufi wayefunda kwesisikolo.
Uthe zange akwazi ukuqhubeka afunde esemncinci kuba wayengoyena umdala kowabo, wathatha uxanduva lokukhathalela abantakwabo abathathu abancinci kuye, kuba abazali babo babengekho ukuba babondle.
“Ndandingonwabanga kukuyeka phakathi esikolweni ndimncinci kangakaya. Ndazithembisa ukuba ndizakuzibhala imviwo zebanga leshumu xa ndithe ndafumana ithuba, ukuze ndibe ngutitshalakazi oqeqeshiweyo.”
Emva kokufumana isetifiketi sakhe sebanga leshumi, wanikwa imali yenkxaso sesisikolo ukuba agqibezele izifundo zakhe, apho wathi wafumana isidanga sobutitshala kumabanga aphantsi.
ULindiwe uthi eyonanto ayifunayo kukufezekisa iphupha lakhe lokubangutitshalakazi. “Ndizakuba ngoyena mntu wonwabileyo ukuba ndifumene umsebenzi wokuba ngutitshalakazi,” utshilo.
Uthe akakabinalo ithamsanqa lokufumana umsebenzi. “Ndiye ndandwendwela phantse zonke izikolo zas’Ekurhuleni, ndifaka izicelo zomsebenzi kunye namaxwebhu am, kodwa andibuyanga nampendulo.”
Uthe linye kuphela ixesha apho wabizelwa kudliwanondlebe ngonyaka ka2021 apho wayekhuphisana nomntu owayesele esebenza kwesosikolo, kwaye kwaphinda kwathathwa lomntu. “Emva koko ndenza ugqogqo ndingena isikolo nesikolo kwingingqi yam, ngaphandle kwempumelelo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Lindiwe Mnisi waseTembisa ongekafumani msebenzi nangona enaso isidanga sobutitshala.
Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga