
Abanye babasebenzi balowo wayesakuba yinkulu mbuso yaseUK uBoris Johnson batyholwa ngokwabelana ngesondo kumnyhadala wolonwabo owawubanjelwe kwikhaya le nkulumbuso elisemthethweni ngobusuku obandulela usuku lokungcwatywa kukaPrince Philip – ngelixa kanye kwakusaqhuba imiqathango yokumiswa kweentshukumo zoluntu ngenxa yentsholongwane ye Corona.
Ngabantu abohlukeneyo ababona amaqela amabini ezithandani esenza inkonzo yasekamereni kumcimbi wolonwabo owawungekho mthethweni– nalapho ezinye izithandani zabonakala zingena eofisini “kucinywe izibane”, itsho ingxelo yephephandaba iTheTimes ephume kuleveki.
Umcimbi wolonwabo womhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2021, kubusuku ngaphambi komngcwabo kaPhilip waqhuba kwade kwabetha intsimbi yesine ekuseni.
Ukanti ezinye izithandani, zabonwa ziphathaphathana ekhitshini ngaphambi kokuba zingene kwindlu emnyama, litshilo eliphephandaba. Baphuma kulendlu imnyama bebonakala beneentloni. Omnye wabantu ababe zimase lomcimbi wolonwabo wathatha imifanekiso ekhawulezayo, wayixhoma kwikhasi lakhe lezonxibelelwano iInstagram.
Yonke loomifanekiso kukholeleka ukuba yaphinda yasuswa kwiinyanga emva kwesisiganeko, ngethuba kuqalisa kuvela amabali malunga nalomcimbi wolonwabo, kwaye abo babeyinxalenye yalo msitho babenoloyiko lokuba lemifanekiso izakusetyenziswa njengo bungqina obuzakubayamanisa netyala lolwaphulo mthetho.
Ngeloxesha, kwakungekho mthethweni ukubamba imicimbi yolonwabo ezindlwini, kwaye iindibano zazivumeleke kuphela kwimicimbi yomsebenzi.
Oku kuvele ngethuba ikomiti iCommons privileges committee iphanda malunga nebholo lokuba wayexoka kusini na uJonson xa wayesithi amalungu ePalamente ophula umthetho ngexesha lokumiswa kweentshukumo zoluntu ngenxa yokuqhambuka kwentsholongwane iCovid 19, njengoko ityala lakhe lithathisa kwakhona kuleveki.
Ukanti ukubanjwa kweendibano zolonwabo kwikhaya lenkulumbuso ngexesha lokumiswa kweentshukumo zoluntu, kwakhokhelela ekuweni kuka Johnson njenge nkulu mbuso emva kokuba amalungu epalamente ombutho wakhe iConservatives Party aye adinwa nguye namabholo akhe angapheliyo.
UJohnson kunye nenkosikazi yakhe uCarrie, kunye nenkulumbuso exhuzula imikhala ngoku uRishi Sunak, owayenguChancellor ngeloxesha, bayityeshela imithetho yokufumana imvume yokubamba imicimbi ngelaxesha, ngelixa abanye abasebenzi baseDowning Street banikwa izohlwayo.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: Lowo wayesayakuba yinkulumbuso yaseBritani uBoris Johnson ekwisitalato iDowning Street kumcimbi wokuhamba komcebisi okhethekileyo
Imvelaphi yomfanekiso: Reuters