
Ngu Everson Luhanga
Liseluvalelweni lwamapolisa ityendyana eliselitsha lelizwe laseNigeria ngokumithisa amanina alishumi ngeenjongo zokufezekisa iyelenqe lokukhulisa ingxowamali ngokuthengisa abantwana.
Elityendyana lineminyaka elishumi elinesixhenxe libanjwe ngamapolisa aseRivers State, kunye nomhlobo wakhe obesebenza nalo uChigozie Ogbonna oneminyaka engamashumi amabini anethoba.
Lamadoda mabini axelwe ukuba aqhuba ishishini lokwenza abantwana besebenzisana namanina amabini achazwe njengo Favour Bright oneminyaka engamashumi amathathu kunye noPeace Alikoi oneminyaka engamashumi amane.
UGrace Iringe-Koko oligosa lezonxibelelwano noluntu kwinkonzo yesipolisa yaseRivers usiqinisekisile esisiganeko, kwimbalelwano ekhutshwe ngamapolisa ngoMgqibelo umhla wesixhenxe kwinyanga yoMqungu, uthe ugqogqo lwenziwe kwishishini elivelisa abantwana emva kokufumana umkhondo kumthombo othembekileyo.
Kwizindlu ezimbini amapolisa afumene amanina akhulelweyo abawachaze njengamaxhoba okuthunjwa kwabantwana.
Uphando lwamapolisa lufumanise ukuba emva kokuba ebelekile amaxhoba, inkokheli yell yelenqe iyamgcina umntwana ze unina wosana ahlawulwe imali efikelele kuN500,000 (malunga neR20), kwaye abanye babantwana abazalelwe kwezizindlu sele bethengisiwe.
“Onke amaxhoba avumile ukuba batsalelwa kwelishishini lingekhomthethweni lokuthengisa abantwana ngenxa yobunzima bokufumana imali yokuziphilisa.
Ukanti, “inkokheli yeliyenqe ithathelwe imoto yohlobo lweHonda Pilot Jeep emhlophe.”
Umfanekiso ongasentla:
Imvelaphi yomfanekiso