Ityendyana lase Lusikisiki laduka lisiya elwandle

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Sele kuphela iiveki ezimbini usapho lwakwaNombinja kwiphondo leMpuma Kapa lukhangela unyana walo olahlekileyo uSiphenathi, kodwa akukabikho mkhondo. 

Eli tyendyana lineminyaka engamashumi amabini ananye lakwilali yaseLambase, eLusikisiki laphuma lisiya elwandle eMsikaba ngosuku lwenyibidyala kwaba kanti kukugqityelwa kwalo ukubonwa. 

“Wahamba esiya elwandle nabahlobo bakhe, nalapho wathi wagcinisa imfonomfono yakhe komnye wabahlobo bakhe uAphiwe ngethuba esiya kudada. UAphiwe naye uhlala eLambase. Zange baphinde badibane wade wagoduka uAphiwe,” uchazile uYoleka Nombinja ozalwa nexhoba. 

“Ngobabusuku umama wafika uSiphenathi engekho endlini yakhe. Wayenethemba lokuba uzakube ebuyile ngentseni, kodwa kude kube namhlanje akakabuyi.”

Ngomhla wesibini kulenyanga yoMqungu, kwavulwa uxwebhu lomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa eLusikisiki kuvulelwa uSiphenathi. Usapho lwakhe laya kumkhangela ezibhedlele nakumaziko empilo, kuquka nesibhedlele iHoly Cross, kuba becingela ukuba angafumaneka nakhona. 

“Iindadi ezisindisa abantu abatshonayo kulwandle lwaseMsikaba zasixelela ukuba khange kubekhona bantu batshonayo ngokusuku lwenyibidyala. Bonke abantu ababesemngciphekweni wokutshona emanzini, basindiswa kwangethuba bathunyelwa esibhedlele okanye kumaziko empilo,” utshilo uYoleka exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

Uthe baya nakwindawo zokugcina izidumbu bekhangela ubhuti wakhe, kodwa babuya bephaca. 

“Njengoko kuqhuba ukukhangelwa, sifumanise ukuba kukhona abantu abambonayo uSiphenathi elila eyedwa kwindawo engaphesheya kwechweba. Ngaphambi kokuba bafikelele kuye wathathwa ngabafana ababini ababekhangeleka ngathi bazakumnceda awele ichweba,” utshilo.

“Imeko imbi kakhulu kuthi sonke ekhaya. Umama usentlungwini kwaye usoloko elila, kodwa abahlali bayasinika inkxaso kwaye basaqhuba nokukhangela nanamhlanje.”

Isithethi samapolisa ephondo leMpuma Kapa uWarrant Officer Majola Nkohli uthe, abacuphi benkonzo yesipolisa eLusikisiki bayaqhuba nokukhangela uSiphenathi. 

“Ugqogqo oluthe gabalala lwenziwe ngamapolisa ecandelo lezohlangulo eLusikisiki naseSajonisi, kodwa akukhonto ifumanekayo,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: NguSiphenathi Nombinja, owalahleka ngosuku lwenyibidyala

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe