
INCWADI EVELA ELIMPOPO: Lixesha elingakanani abantwana bedlala imidlalo idiketo kunye nemoruba (Uphuca nomlabalaba)? uThabiso Sekhula ufumanise into emangalisayo
Kule veki ndenze uvavanyo kusapho lwam, abahlobo kunye nabahlobo bam bomnatha. Injongo ibikukufumanisa ukuba banolwazi kangakanani ngemidlalo esikhule siyidlala.
Umbuzo wam wokuqala endibabuze wona kuba bayayazi na le midlalo mibini, uPhuca kunye nomlabalaba. Bonke abantu endibabuzileyo bebeyazi lemidlalo, kwaye umyinge wamashumi amathandathu eepesenti uthe babeyidlala lemidlalo besakhula. Yimidlalo edumileyo kwaye uninzi lwethu sineenkumbulo ezintle zexesha apho yonke into yayilula sisadlala lemidlalo.
Kumdlalo kaphuca umdlali uphosa ilitye elibizwa “ingeji” phezulu azame ukukhupha amatye ngobuninzi kwisangqa abehleli kuso ngaphambi kokuba aphinde ayinqage ngesandla esinye. Umdlali uphinde awaphinsidele kwakhona kwisangqa ngamanye engakhange ayiwise ingeji yakhe. Ukanti uMlabalaba ngumdlalo wamacala.
Umbuzo wam wesibini khange ufumane kwampendulo, kungekho mntu ubangele oku kuba akukhomntu uyaziyo impendulo yawo. Neqonga lophando kumnatha iGoogle ayinamopendulo, kumbuzo othi midala kangakanani lemidlalo?
Ukanti umnatha kwiqonga leWikipedia lithi lemidlalo mibini yaqala eLimpopo, ekuyinto enobunyani ngendlela endibona ngayo, kodwa umnatha awunayo imihla eyinikayo ngokoqikelelo lokuba midala kangakanani. Amanye amabali aqikelela ukuba lemidlalo yaqala ngeminyaka yoo1900.
Kutsha nje bendityelele kumyezo iMapungubwe National Park, kwaye okokuqala ndityelele intaba yaseMapungubwe. Enkcochoyini yalenduli, kunye nemvelaphi yabantu bokuqala balendawo abantu abaziwa ngeShashe, apho kudibana khona ilizwe loMzantsi Afrika, iZimbabwe kunye neBotswana.
Le ndawo kwafunyaniswa ingcwaba lekumkani nekumkanikazi yaseMapungubwe, kunye nedumileyo irhino yegolide nezinye izinto zegolide kunye neivory, kuquka neentsimbi ezazihanjiswa kumazwe aphesheya, kulapho kanye kufumaneka ulwazi oluphangaleleyo malunga nobudala balemidlalo.
Ukuba uyalazi ibali laseMapungubwe, uzakuqonda ukuba obubukumkani babunamandla kwixesha elingaphezu kweminyaka eliwaka eyadlulayo. Uzakuqonda ke ukumangaliswa kwam, ndakunyuka lenduli kwaye ndafumana indawo apho yaqala khona ukudlalwa imidlalo kaphuca kunye nomlabalaba.
Ilitye laseMapungubwe lithambile, ukuze bakhe isiseko sezindlu zabo kwakunyanzelaka ukuba balisike balakhe ngokutsha elilitye. Ngokunjalo ke nakulemidlalo bayakha. Kwaye ndiyavuya ukubona ukuba nasemva kwethuba elide kangaka ubungqina bokuba lemidlalo yayidlalwa apha isekhona.
Emva kokuba ndipapashe ubungqina endibufumanisileyo, abantu kwilizwekazi iAfrika jikelele baqalise bathetha, bebalisa indlela ababewudlala ngayo umdlalo womlaba laba kumazwe abo, abakubude obuquka ilizwe laseTanzania.
Enye inkcazelo ingaba kwathi kwakuphela umbuso wobukumkani baseMapungubwe, ngethuba abantu beshiya lendawo ngezizathu ezingaziwayo, bathatha inkcubeko kunye nalemidlalo bahamba nazo bazisasaza kwilizwe iAfrika jikelele. Uyabona nje ukufumanisa ulwazi olumangalisayo.