
Ngu Dylan Bettencourt
Inkala izakuxing ‘etyeni kubophuli mthetho belizwe laseKenya, njengoko eyona ndoda ibaleka ngesona santya siphezulu kwilizwekazi iAfrika uFerdinand Omanyala ethwese isidanga sokuba ligosa lenkonzo yesipolisa kwelalizwe.
Ngamapolisa angaphezu kwamawaka amabini namakhulu asibhozo athweswe izidanga ngolwesibini kwikholeji kazwelonke yamapolisa eNairobi, kumcimbi obuzinyaswe ngumongameli welalizwe uWilliam Ruto.
Kodwa kuyo yonke loonginginya, mnye kuphela umfundi obalasele kubo bonke. UOmanyala osoloko esekuqaleni kweliqela, nguye obengowokuqala kumngcelele wamapolisa amatsha.
Lamapolisa matsha alugqibile uqeqesho lokuqala lwamapolisa oluquka izifundo malunga namalungelo oluntu, amapolisa asekuhlaleni, ukubamba ucwangco esidlangalaleni, izakhono malunga nokusebenzisa imipu kunye neembumbulu, itshilo inkonzo yesipolisa.
Ngaphandle kwamathandabuzo, uOmanyala uzakusebenzisa isantya sakhe esikhawulezayo ukuqinisekisa ukhuseleko kwizitalato zaseKenya.
Izikrelemnqa ezifuna ukwaphula umthetho ngethuba uOmanyala esemsebenzini kufuneka ziqinisekise ukuba zinezithuthi ezibalekayo ukuze bashiye eli polisa linamashumi amabini anesixhenxe eminyaka.
UOmanyala wophula irekhodi lelizwekazi iAfrika kumdlalo wemitha ezilikhulu[100m] ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo, wafikelela entanjeni kwimizuzu elithoba nemizuzwana engamashumi asixhenxe anesixhenxe [9.77sec].
Kwinyanga ezimbalwa ngaphambi koku, ngenyanga yeSilimela kunyaka ka2022 waba ngummi wesibini welizwe laseKenya ukuba yintshatsheli kumgama wemitha ezilikhulu [100m].
Umfanekiso ongasentla: NguOmanyala ethweswa isidanga senkonzo yesipolisa
Imvelaphi yomfanekiso: @Ferdiomanyala