Uvalelwe ngaphandle ngenxa yesinxibo samaNdebele

Ngu Nothando Makhubela

Itshantliziyo lenkcubeko yamaNdebele elineminyaka elishumi elinesibhozo uKgotso Mahlangu, uvalelwe ngaphandle kwivenkile yokutya iSuper Spar kudederhu lwevenkile iMoratiwa Mall, KwaDlawule kwiphondo laseLimpopo kuba enxibe isinxibo sesintu samaNdebele. 

“Uhamba ze!” utshilo unogada. 

UMahlangu osuka kwindawo yakwaNdebele eMpumalanga uthe, wavukela kudederhu lweevenkile iMoratiwa Mall ngentseni eleqa ukuhambisa ipasile yomnye wabathengi bakhe, wathi esalindile wagqiba kwelokuba ayekuthenga amanzi kwivenkile iSuper Spar kuba eziva enxaniwe. 

“Ndithe xandifika emnyango walevenkile unogada wandixelela ukuba akazundivumela ndingene kuba andinxibanga,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

“Ndicele ukuthetha nomanejala. Ndizive ndidandathekile kwaye ndiphoxekile, kuba nam ndinalo ilungelo lokuthenga njengomntu wonke. Ndaphawula into yokuba isiko nenkcubeko yamaNdebele iyadelelwa kwaye iyacalucalulwa.” 

Nangona liqinisekisiwe ilungelo lomntu ngamnye ngokwenkcubeko nolwimi lwakhe kumgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika, uMahlangu uthi ubengaqali ukucalucalulwa ngenxa yesinxibo sakhe samaNdebele. 

“Esi sisiganeko sesithathu. Esokuqala senzeka kuloliwe iGautrain, saphinda kwakhona kudederhu lwevenkile iBoulders Shopping Centre [eMidrand] ngoku senzeka eMoratiwa Mall. Iyandixhalabisa kakhulu indlela esiphathana ngayo singabantwana bomgquba. Sidinga ukuba sifunde ngenkcubeko neelwimi zethu,” utshilo. 

“Esisiganeko sibonakalisa ulwazi olunqongopheleyo malunga nemvelaphi yamaAfrika kunye nenkcubeko yethu. AmaNdebele asenomcelimngeni malunga nezinxibo zawo, inkucubeko kunye nolwimi lwawo.”

Umanejala wevenkile iSuper Spar uZakhele Dlamini ucele ukuba aphawule kamva ngesisiganeko, emva kokuqukumbela iintlanganiso zakhe, kodwa uvumile kwiqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uKgotso khange avunyelwe ukuba angene kulevenkile. 

Umfanekiso ongasentla: UKgotso Mahlangu enxibe isinxibo esibangele ukuba avalelwe ngaphandle evenkileni

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe