Kungenzeka basale bengena zithuthi abantwana besikolo ngenxa yoqhankqalazo olucetywayo kwiveki ezayo

Ngu Zavela Makwabe

Abaqhubi bezithuthi zika wonke wonke, amaqumrhu ezithuthi kunye nequmrhu leebhasi kwiphondo leMpuma Kapa,bebedibene eMonti apho bathathe isigqibo sokumisa ngxi iintshukumo zoluntu kweliphondo ngosuku lokuvulwa kwezikolo kwiveki ezayo. 

Abaqhubi bezithuthi zikawonke wonke abasindleka ngeenkonzo zokuhambisa abantwana ezikolweni babanga ngelithi bagqibela ukufumana intlawulo kwisebe lezothutho ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo. 

Isibhengezo esenziwe lisebe lezothutho sibonakalise ukuba akukhomali yokubahlawula ngaphambi kwenyanga kaTshazimpuzi. 

“Esisigqibo sithathwe ngenxa yokusilela korhulumente wephondo okhokelwe ngumbutho weANC, oqhuba nokucinezela asebenzise kabuhlungu abaqhubi abahambisa abantwana ezikolweni, kwaye usohluleka kukuhamba ngokwezivumelwano ekwakuvunyelwene ngazo ngethuba kudityenwe kuxoxwa ngalemiba,” utshilo uGabs Mtshala ongumququzeleli weSantaco kwiphondo leMpuma Kapa. 

Uthe izinyanzeliso zabo ziquka ukuba isebe lihlawule ngokukhawuleza imali eseleyo yenyanga ezintathu, kunye nesiqinisekiso sokuba isebe lezothutho lizakusigcina isivumelwano sokuhlawula imali yenyanga ezintathu zokuqala zalonyaka umtsha. 

Bakwacela ukuba kuhlengahlengiswe imigaqonkqubo yokusebenza kwisivumelwano abanaso kunye norhulumente, kuthathelwe ingqalelo izinto ezifana nemeko yendlela abahamba kuzo. 

UMtshala uthe endaweni yokuba bancediswe ukuze baphumelele, urhulumente wephondo utshabalalisa ikamva labo. 

Abaqhubi bezithuthi ezihambisa abantwana banyanzelisa ukuba baxelelwe amagama abantwana kunye nenani labo. “Isebe lezothuthu liyayazi ukuba libhatalela abantwaba abaphantse bafikelele kwikhulu lamawaka, ngelixa sithutha abantwana abaqikelelwa kwikhulu namashumi amathathu amawaka,” utshilo uMtshala. 

Kunyaka ka2023 kubhengezwe ukuba lizakucuthwa liye kufikelela kumashumi asibhozo anesixhenxe inani labantwana abazakuthuthwa. Oku kuthetha ukuba xabekwazi ukukhupha inani labantwana abazakuthuthwa, bayakwazi ukunikezela ngoluhlu lwamagama abo.”

Isithethi sesebe lezothutho uUnathi Binqose uvumile ukuba ngenene bezikhona iingxaki ebezikhona, isebe elithemba ukuba zizakusonjululwa kwiintsuku ezisixhenxe eziseleyo ngaphambi kokuba kuvulwe izikolo ngoMvulo kwiveki ezayo kwiphondo leMpuma Kapa. 

“Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abo sibakweleta imali nabo bawenzileyo umsebenzi bazakuhlawulwa lisebe ukuze sinqande uqhankqalazo olunokuba khona,” utshilo

Umfanekiso ongasentla: Abantwana bengena kwisithuthi esibahambisa esikolweni

Imvelaphi yomfanekiso: Lisebe lezothutho