Kubanjwe umngcwabi ngokunxulumene nokufa kwamaxhoba esifo sotyatyazo

Ngu Everson Luhanga

Ibanjwe ngamapolisa aseMalawi indoda ethengisa iibhokisi zokungcwaba etyholwa ngokususa idriphu kwizigulane eziphethwe sisifo sotyatyazo kwidolophana iLimbe, ekwisixeko sozorhwebo iBlantyre. 

Umrhanelwa uxelwe njengomnikazi weshishini elithengisa iibhokisi zokungcwaba elikufutshane nenkampu yokugcina abo bosuleleke sisifo sotyatyazo. 

Le ndoda ibanjwe ngabahlali ngoMvulo emva kokuba bebeyibeke esweni ngempelaveki.  

Ukanti ukuqhambuka kwesifo sotyatyazo kubeke amaziko ezempilo kunye nabasebenzi phantsi koxinizelelo. Urhulumente unyanzeleke ukuba amilisele indawo zethutyana zokugcina abo banyangelwa esisifo njengoko lisenyuka inani labo bosulelekayo. 

Kulapho lendoda ithathe ithuba yanyonyoba yangena kulenkampu ngokungekho mthethweni, yafika yasusa ubuxhaka xhaka bedriphu obenzelwe ukunika amandla nezakhamzimba kwizigulane, ukuze lande inani labathengi beebhokisi zokungcwaba. 

Omnye wabongikazi kwiziko lempilo iLimbe Health Centre uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba, abongikazi bebebhidekile emva kokuqaphela ukuba iidriphu zikhutshiwe kwizigulane zabo. 

“Saqala satyholana ngesisenzo sibonakalisa ubulwanyana,” utshilo. 

“Kodwa saphinda sayiqonda into yokuba sonke siqeqeshelwe ukwenza lomsebenzi, asinokuyenza into eloluhlobo. Emva koko sapheka iqhinga lokuba sibambe umenzi wobubi, nalapho sabandakanya abantu basekuhlaleni.”

Lo mongikazi uthe, lendoda yabonwa iintsuku zilandelelana ingena kulenkampu ixelela izigulane ukuba ingumsebenzi wezempilo uzokujonga kusebenza kweedriphu. 

Xa engena kulenkampu, wayenxiba izikhuseli zezandla ezilungiselelwe unyango. “Asazi ukuba wazifumanaphi ezizikhuseli zezandla. Amapolisa kunye nabasebenzi besebe lezempilo bazakuphanda konke oku.”

Lo mongikazi wongeze ngelithi ezinye izigulane ekwasuswa idriphu zazo zasweleka ngenxa yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni, ngelixa abanye bakwazi ukuba bafumane uncedo kwangethuba.  

Ukuzakuthi ga ngoku ngabantu abangamashumi amabini ananye amawaka, namakhulu amahlanu anamashumi amabini anesibini abafunyaniswe bosuleleke sesisifo, kwaye bathathwe babekwa kwiinkampu ezohlukeneyo kwelalizwe. Ukanti ngabantu abangamakhulu asixhenxe aneshumi elinesithandathu asele bephulukene nobomi babo ngenxa yokuqhambuka kwesisifo. 

UChrissy Banda othethela isebe lezempilo kwisithili saseBlantyre uthe, injongo yomrhanelwa ayikaziwa okwangoku ukuba ibiyintoni kanye kanye. 

Amapolisa kwesisixeko akakwazanga ukuqinisekisa ukuba lendoda ibisusa iidriphu kwizigulane kuba izama ukukhulisa ishishini layo lokuthengisa iibhokisi. Isithethi samapolisa sithe uphando luyaqhuba ukufumanisa unobangela wokuba yenze oku.  

Umfanekiso ongasentla: Indoda ethengisa iibhokisi etyholwa ngokusisa iidriphu kwizigulane zesifo sotyatyazo

Imvelaphi yomfanekiso: @zodiakonline