
Ngu Buziwe Nocuze
Abahlali belokishi yakwaLanga bafunge bamunca iintupha ngelithi bazakuwaxhasa amalungu amabini ekomiti ejongene nokhuseleko lasekuhlaleni iLanga Safety Patrol abatyholwa ngokubulala.
Ilanga Safety Patro yikomiti ejongene nokhuseleko lwalelokishi ikwiCape Flats eKapa, bajikeleza ngeebhayisekile ukuqinisekisa ukhuseleko.
La malungu mabini alekomiti aneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesine namashumi amathathu anesibini, abanjwa ngamapolisa ngoLwesibini umhla weshumi kulenyanga imiyo, babekwa ityala lokubulala.
Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uFrederick van Wyk uthe ukubanjwa kwesisibini kuza emva kokusweleka komntu owathi wabethwa ngomhla wesithathu kwinyanga yomqungu, waza wabalekiselwa esibhedlele.
Le komiti yaziwa ngokubamba abarhanelwa bolwaphulo mthetho babakhuphe kwikhasi labo likaFacebook bevuma izono zabo zolwaphulo mthetho, beqale bababetha. Omnye wabahlali ocele ukuba igama lakhe lingadizwa ubanga ngelithi, izinga lolwaphulo mthetho lehlile oko kwathi kwamilisela le komiti yokhuseleko kwiminyaka emithathu eyadlulayo.
“Le komiti yenza umsebenzi omkhulu xa kuthelekiswa namagosa enkonzo yesipolisa, kwaye sibathemba ngephezu kokuba sithemba amapolisa, inkxaso yethu ngakubo ayigungqi nakwelixesha lobunzima,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
UVan Wyk uthe: “Amapolisa akwaLanga aphanda ityala lokubulala, kwaye abarhanelwa ababini babanjiwe babekwa ityala lokubulala. Bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi iBishop Lavis ngokukhawuleza ngokunxulumene nezizityholo.
Inkumanda yesikhululo samapolisa akwaLanga uColonel Ronald Jacobs, ulumkise abahlali ukuba bayeke ukuthathela umthetho ezandleni kuba bazakutshutshiswa.
Kodwa abahlali bathi, “Sifuna lamalungu ekomiti ejongene nokhuseleko akhululwe kuba benza umsebenzi omkhulu ekuhlaleni. Amapolisa akukhonto aluncedo ngayo kwaye anomona ngomsebenzi omhle abawenzayo.”
Omnye wabahlali uthe bazakubamba umngcelele besingise kwisikhululo samapolisa ukuba imeko iyanyanzelisa.
“Sizakufela apho kufa onogada bethu, kuba inkonzo yesipolisa yohluleka kudala.”
“Oonqevu babesenza into abayithandayo kuba babesazi ukuba akukhonto izakwenziwa ngamapolisa. Ngako ke babesophula umthetho besazi ukuba akukhonto izakwenzeka kubo, kodwa kwathi kwakufika onogada yaphela lonto.”
Uthe kungekudala bazakwenza uxwebhu lweziphakamiso ezizakubangela ukuba abanogada babini bakhululwe, kwaye bafuna umntu ovule ityala ngakwabanogada, kunye nosapho lwakhe baphume baphele kule lokishi.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lizamile ukuqhakamshelana nosihlalo weLSP uBandile Gcuwa ophendule ngelithi, “Ngokuzithoba okukhulu, obu bubuxoki, kodwa asikwazi kuthetha namaphephandaba okwangoku.”
Umfanekiso ongasentla: Amalungu eLanga Safety Patrol kwilokishi yakwa Langa, eKapa.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.