
Ngu Anita Dangazele
NgoLwesithathu abahlobo kunye neentsapho ebezizele yimincili nokuzingca bayizalise yema ngeembambo iholo yoluntu iNangoza Jebe eGqeberha kubhiyozelwa ukubuya esuthwini kwamadodana angamashumi amathathu anesihlanu.
Kunyaka nje ophelileyo, lomcimbi wolwamkelo lwamakhwenkwe avela esuthwini waziwa ngomgidi, kwakuliphupha elibonakala lihambela kude nalamadodana, kuba esuka kumakhaya angathathi ntweni kwaye bengenayo imali yokuhlawulela iindleko zokwenza lomsebenzi wesintu.
Noxa kunjalo, iindleko zokuya kwabo esuthwini zihlawulwe ngooceba abalithoba bomasipala ombaxa weNelson Mandela Bay, besebenzisa imali ebekelwe bucala kuhlahlo lwabiwo mali, ukwenza imisebenzi yokunceda uluntu.
Omnye wabazali ocele ukuba abizwe ngesiduko sakhe kuphela uMamzangwa uthe, ubulela kuceba weward yakhe ngokuba acinge ngonyana wakhe oneminyaka engamashumi amabini owasalela ngasemva koogxa bakhe abangena esuthwini beneminyaka elishumi elinesibhozo.
“Unyana wam ebesele eqalile ezikhwebula kubahlobo bakhe kuba engafuni kungcikivwa, abizwe nge ‘nkwenkwe’. Ndiyabulela kakhulu kuceba kuba bendingenayo imali yokumsa kwisikolo solwaluko,” utshilo.
Usekela sodolophu uKhusta Jack ukugxininisile ukubaluleka kwesiko lokwaluka kwaXhosa.
“Lo ngumcimbi obaluleke kakhulu kwisiko lethu kuba kukhuliswa amakhwenkwe abengamadoda. Xa ebengakhange alenze elisiko, uninzi lwalamakhwenkwe ebezakuba nengxaki ukwamkeleka ekuhlaleni.”
Wongeze ngelithi, “Siyazingca ngooceba bethu abadibeneyo bancedisa iintsapho ezihlelekileyo. Sibaqhwabela izandla ngomsebenzi wabo omhle.”
Lo msitho ubuzinyaswe nayinkulubaphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane. Uqhwabele izandla ooceba kunye nomasipala ngokusingatha iindleko zesiko elibaluleke oluhlobo.
“Le ayonkcithomali yabarhafi njengoko abanye benu benokutsho, kodwa sisenzo sobuntu,” utshilo. “Siliphondo siyazingca ngabaceba, kwaye silangazelela ukubona imicimbi emininzi eloluhlobo kwixesha elizayo.”