Amadama omasipala iNelson Mandela Bay aye esehla ngokwehla

Ngu Anita Dangazele

Kuqalile ukuphazamiseka kokuhlinzeka ngeenkonzo zamanzi kwingingqi ezininzi zomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, kulandela ukwehla ngokumandla kwenqanaba lamanzi anokusetyenziswa kumadama alomasipala ngeeholide zenyanga yoMnga. 

Kungokunje umyinge wamanzi uhleli ku14.80 weepesenti, ntoleyo ithetha ukuba ngumyinge ka 9.37 weepesenti kuphela olungele ukuba ungasetyenziswa luluntu. 

NgoLwesihlanu elona dama likhulu kummandla weNelson Mandela Bay Impofu Dam, ibime kwelona nqanaba lakhe laphantsi oko lathi lakhiwa ngonyaka ka1983, kumyinge ka7.27 yeepesenti. 

Abahlali baseKariega ngabona bachaphazeleke kanobom kukunqongophala kwamanzi kulo mmandla. Ezona ndawo zichaphazeleke kanobom ziquka iFairbridge Heights, iJanssendal, iLevyvale, iScheepershoogte, iStrelitzia Park, iValleisig, iVan Riebeeck Hoogte, iVanes Estate, iWinterhoek park kunye nendawo ezithile kwilokishi yaKwanobuhle nakwaLanga.  

Abahlali belokishi yakwaLanga bathi ingxokolo ekhoyo malunga nokuphazamiseka kwamanzi ayonto intsha kubo leyo, kuba oko babephila phantsi kwalemeko ukusukela ngenyanga  yesilimela kunyaka ka2022. 

“Oko sasiphila impilo yokuba singabinamanzi usuku nosuku kusukela ngenyanga yesilimela kunyaka ophelileyo. Akukho nomnye umntu osuka kwamasipala owakhe wazikhathaza ngokusichazela ukuba kwenzeka ntoni. Uceba wethu oko wayehleli esithi uzakufaka ingxelo malunga nemeko yalapha kodwa akukho nto itshintshayo,” utshilo umhlali wakwaLanga uAndile Hugh. 

“Umbuzo esinawo ngowokuba uthi yintoni unobangela wokuba singabinamanzi kwezinyanga zingaphambili xa kanti kungona lisehla izinga lamanzi emadamini?” 

Usodolophu womasipala ombaxa iNMB uRetief Odendaal uthe, izinga eliphantsi lamanzi kumadama liphazamisa inkqubo yokusindleka ngamanzi, kwaye indawo ezikwinduli zizakuqalisa zifumane ukuphazamiseka kwamanzi. 

“Kwindawo yokugcina amanzi iRosedale reservoir asezantsi kakhulu amanzi akhoyo, iindawo eziphezulu okanye eziphakamileyo kulommandla luzakuba khona uphazamiseko kwindlela abafumana ngayo amanzi,” utshilo. Ukanti ilokishi yakwaLanga ihlinzekwa amanzi yiRosedale Reservoir. 

“Iimpopo zamanzi ezikufutshane nalapho kungena khona amanzi, zizakufikelela kunxweme lomlambo kwaye kuzakunyanzeleka ikuba zisuswe. 

“Ukanti umthombo omtsha okumgama we 6km kufutshane nelidama, uzakudinga ukuba kufakwe ubuxhaka xhaka bombane ngaphambi kokuba usebenze. Oku kuzakunika umasipala ixesha lokuba akhuphe nawokugqibela amanzi kumadama okugcina amanzi.”

Ukwabongoze nabahlali kuba bawaphathe ngenkathalo amanzi.

“imbalela egqubayo kulo masipala idinga wonke ubani ukuba athathe uxanduva anciphise ukusebenzisa amanzi.”

UDries van der Westhuizen oyintloko yecandelo leziseko nezobunjineli uthe, benza unako nako ukuzama ukuphepha ukuba kufikelelwe kwimeko apho kuzakunyanzeleka kumiliselwe ucimi cimi wamanzi. 

Umfanekiso ongasentla: Lidama lamanzi lase Impofu Dam 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe