
Ngu Everson Luhanga
Iziphathamandla kwilizwe laseMalawi ziyinqumamisile inkqubo yokufunda nokufundisa kwizikolo zamabanga aphantsi namabanga aphezulu kwizixeko ezibini ezingundoqo kwelalizwe, emva kokuqhambuka kwesifio sotyatyazo (Cholera) esele sibulele amakhulu khulu abantu.
Izikolo kwisixeko iLilongwe kunye neBlantyre engumbindi wezoqoqosho, zizakuhlala zivaliwe isithuba esifikelele kwiveki ezimbini ezongezelelweyo emva kweholide zokuphela konyaka.
Ngaxeshanye, iqumrhu iDoctors without Borders elaziwa ngeMédecins Sans Frontières (MSF), lizakongeza inkxaso yamachiza kwaye liqokelele iingcali zasekuhlaleni ezongezelelweyo kunye nezamazwe ehlabathi ukuba zilwe nalobhubhane ugqugqisayo.
Umququzeleli weemeko ezingxamisekileyo kwiqumrhu iMSF uYahya Kalilah uxelele amajelo eendaba aseMalawi ngokubaluleka kokuba uluntu lufumane ulwazi malunga nokunqanda esisifo sotyatyazo, ukufumana uncedo lwezempilo ngokukhawuleza kunye nokuba abantu bafumane amachiza aselwayo okugonya esisifo.
Isifo sotyatyazo sisifo esosulelayo kuluntu, kwaye sibonakala ngokutyatyaza okumandla. Sisifo esosulelayo esibangelwa yintlupheko ngenxa yokuxhaphaka kwaso kwindawo ezineziseko nococeko olukumgangatho ophantsi.
Ngabantu abangamashumi amabini ananye amawaka, namakhulu amahlanu anamashumi amabini anesibini asele beqinisekisiwe ukuba bosuleleke sesisifo, kunye nabantu abangamakhulu asixhenxe aneshumi elinesithandathu asele beswelekile ukuzakuthi ga ngoku.
Ilizwe laseMalawi labasemngciphekweni wokuqhambuka kwesisifo sotyatyazo esinobungozi kakhulu ukusukela ngonyaka ka 1998 kuqhambuko lokuqala olwabangela inyhikityha yokufa ngenxa yendlala.
Kulindeleke ukuba imeko ibe maxongo nangakumbi kubemi baseMalawi abahlala emaphandleni ngexesha leemvula, kuba baxhomekeke ukuba basele amanzi emilambo engogqunywanga.
Sithetha nje esisifo sele sinwenwele phantse kuzozonke izithili zaseMalawi ezingamashumi amabini anesibhozo.
Iziko elijongene nokulawulwa kwezifo kwilizwekazi iAfrika lithi lixhalabile malunga nokwanda kwesibalo sabantu ababulawa sisifo sotyatyazo eMalawi, nto leyo lithi ibangelwa kukuba izigulani azifumani nyango ngexesha elifanelekileyo.
Ngabafundi abangamantombazana abasibhozo besikolo samabanga aphakamileyo iNtcheu Secondary School, abafunyaniswe ukuba bosulelekile sesisifo, nalapho iziphathamandla kwisebe lezemfundo zikuqinisekisile oku.
Umlawuli wesebe lezemfundo, ulutsha kunye nezemidlalo uSophia Rosemary Mthiko, ngolwesibini uthe ukuzakuthi ga ngoku abantwana abathandathu kwabo bosulelekileyo sebekhutshiwe esibhedlele ngelixa ababini kubo besesibhedlele.
Kanye ngelixesha lokuqhambuka kwalobhubhane, ezinye izithili ezisembindini welizwe, ingakumbi eKasungu azinawo amachiza okugonyela esisifo. Isithethi sesebe lezempilo kwisithili iKasungu uCatherine Yoweli uwuqinisekisile lomceli mngeni.
Uthe iofisi yesebe ithatha amachiza okugonya esisifo kwezinye izithili kwaye abantu bazokwazi ukuba basifumane isigonyo ngokukhawuleza.
“Ngabantu abangamakhulu amabini anamashumi amane anesithathu amawaka abathe bagonyelwa Isifo sotyatyazo kwisithili iKusungu, kubantu abaqikelelwa kwisigidi kwesisithili,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla:
Imvelaphi tomfanekiso: