
Ngu Buziwe Nocuze
Ngenxa yegcinezelo nokuntlokothisana kwamakhwenkwe, ityendyana elineminyaka engamashumi amabini lathatha isigqibo sokuziba ayokoluka ngaphandle kwemvume yabazali. Kungoku nje kunzima ukuba abuye kwisikolo solwaluko njengoko ebengalungiselelwanga lusapho lwakhe.
Lendodana igama layo lingadizwanga ngenxa yokhuseleko lwayo, yemka kwikhaya layo eMzamomhle kwiphondo leMpuma Kapa ngenyanga yeNkanga.
UThembeka Nxumani ongummelwane othethela usapho uxhalabile kuba lendodana izakusala ngasemva kwamanye amadodana xa ebuyela emakhaya kwiveki ezayo.
UNxumani uthe omnye wamadoda asekuhlaleni uye wathatha uxanduva lokudlulisa imiyalezo phakathi kwalo mkhwetha nosapho lwakhe.
“Uxolisile ngokuya esuthwini ngaphandle kwemvume yabantu abadala kwaye uchaze ngelithi ubengenokwazi ukuphindela esikolweni eseyinkwenkwe,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Lo mkhwetha kulindeleke ukuba uqalise ibanga lesixhenxe kwisikolo samabanga aphakamileyo.
“Ugxa wakhe obefunda naye mncinci kunaye ngeminyaka, kodwa ngokwesiko mdala kunaye kuba uye esuthwini kuqala kunaye. Bambiza inkwenkwe kwaye ubengasakwazi kunyamezela kwaphela,” utshilo ummelwane.
Usapho lucela amalizo kubantu basekuhlaleni ukuze lukwazi ukulungiselela umcimbi wokubuya kwakhe.
UNxumani uthe usapho bekufanele ukuba lumphekele usuku nosuku, kodwa oku akwenzeki kuba alunayo indlela yokumondla. Uthe lomkhwetha uxhomekeke kwabanye abakhwetha ukuze atye.
Uthe banoloyiko lokuba uzakulamba ukuba ushiyeka ngasemva xa abanye bebuyela emakhaya.
“Asifuni mcimbi uphucukileyo, sidinga nje ukutya, impahla negusha okanye ibhokwe yokumamakela xa ebuya. Uyaqonda naye ukuba usapho lwakhe aluthathi ntweni.
Omnye wabahlali uLulamile Mveni uthe uyasiqonda isizathu sokuziba kwelityendyana.
“Andimgxeki ngokuya kwakhe. Ukuntlokothiswa nokujongelwa phantsi kumenze ukuba aye entabeni,” utshilo.
“Ukuba banomqombothi kunye nebhokhwe uzokwazi ukubuyela ekhaya, kwaye ndibanqwenelela okuhle kodwa.”
Umfanekiso ongasentla: Ukutsha ngexesha lolwaluko lwabo
Imvelaphi yomfanekiso: Liphephandaba iMail & Guardian