
Ngu Micheal Madyira
UHlompho Kekana owayesakuba ngumdlali weMamelodi Sundowns uthi uluntu maluthi xhaa ngokuphakamisela kakhulu umdlali osazengobuso uCassius Mailula njengoyena uqaqambileyo kwibhola ekhatywayo yeli.
Lo mdlali waMasandawana uneminyaka engamashumi amabini ananye usibonakalisile isakhono sakhe kwimidlalo yendebe yePremier Soccer League eqhubayo.
UMailula uqale ukudlala kwisigaba sePSL sele iqhuba isizini, ngenyanga yoMsintsi kodwa lo mdlali sele ezibalulile kwesisigaba, ezibeka kwindawo engcono yokuba ngomnye wabadlali abanokufumana imbasa yonyaka ka2022/23 yeGolden Boot award.
Unamanqaku amahlanu kwimidlalo esixhenxe edlala kulendebe, kwaye sele efake amanqaku amathathu kwimidlalo emibini yeCaf Champions League.
Kwilizwe elilangazelela ukuvelisa umdlali odlala indawo yokuhlasela oqaqambileyo, uMailula kukho amarhe wokuba angaba ngulo mdlali udingekayo kwiqela leBafana Bafana. Into esisimanga kuba sele ebalwa kunye namagqala aqaqambileyo eqela lesizwe afana noBenni McCarthy, uShaun Bartlett kunye no Katlego Mphela.
Nangona kunjalo, uKekana uzigalela amanzi ezizincomo ngakulomdlali, ngelithi oku kubeka lo mdlali weSundowns phantsi koxinizelelo olunganyanzelekanga.
“Kusekutsha kakhulu ukuba kuthethwe ngoluhlobo ngalomdlali. Singakwazi ukuba simnike ixesha elaneleyo lokuba akhule?” lo kaKekana uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
UKekana uthe ngokwendawo akuyo uMailula akaqondi ukuba sele ibonakala kwangoku indawo ayakuyo. Ukholelwa ukuba uMailula “usengumntwana owonwabela ukudlala ibhola”.
“Ndiyayithanda imeko yakhe ngokwengqondo, nendlela aziphathangayo xa edlala.”
Uthi uMailila usakhula.
“Akakadlali midlalo mininzi kwindebe yePSL okwangoku, ngako ke asikwazi ukumfaka phantsi koxinizelelo ngokumbiza njengoyena mdlali ugqwesileyo, omakabekwe esweni kwibhola ekhatywayo yelizwe loMzantsi Afrika.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo, abadlali abaphambili bebesoloko besokola ukufaka amanqaku, kwaye oku kubanempembelelo nakwiqela lesizwe kweli.
Sele kukhona ithemba lokuba uMailula uzakuba sisisombululo kwiqela likaHugo Broos xa kuthethwa ngabantu bokuhlasela kwiqela leBafana Bafana.
“Sithetha ngomntwana ongenalwazi ozithandela ukudlala ibhola. Kodwa ndiyalithanda ithemba analo kuquka nendlela ahlakaniphe ngayo nokuba ibhola uyithatha ngendela emnika umfutho owakhayo,” utshilo uKekana.
“Ndiyayithanda imeko yakhe ngokwengqondo, kwaye unempawu ezibonakalisa ukuba uzakuba ngumdlali ozakuyibeka endaweni engcono ibhola yoMzantsi Afrika.”
UMailula uphakame wazibonakalisa ngokuthatha uxanduva akungabikho umdlali obengundaba mlonyeni kwiPSL isizini ezine ezidlulileyo, uPeter Shalulile.
Umfanekiso ongasentla: NguCassius Mailula
Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns