
Ngu Khaya Ndaba
Kwilokishi yaseCloverdene, eBenoni zimbalwa kakhulu izinto ezinokwenziwa lulutsha ukuphepha imicelimngeni efana nokunqongophala kwemisebenzi, ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nolwaphulo mthetho.
UAyandisile Qibazonke oneminyaka elishumi elinethoba ukwazile ukuphuma kulomgibe, njengoko ezakubonakala kumabonakude njengomnye wabalinganiswa bomboniso othi Shaka ILembe.
Lomboniso ushicilelwe eMuldersdrift, eNkandla kunye nezinye ingingqi zephondo laKwaZulu Natal, ulandela ikumkani ezisixhenxe zesizwe sakwaZulu.
Lo mboniso uzakube udlala kwitshaneli iMzantsi Magic ekupheleni kwalonyaka, uzakube unabalinganiswa bodumo abafana noNomzamo Mbatha, uLemohang Tsipa kunye noWiseman Mcube ukukhankanya nje abambalwa.
UAyandisile uchongwe ukuba abe ngomnye wabalinganiswa abazakudlala ngasemva benika inkxaso kulomboniso uveliswe yinkampani iBomb Productions. Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba zange akhe acinge ukuba iphupha lakhe lokuvela kumabonakude lizakufezeka ngenye imini.
“Kubengathi kukufezekiswa kwamaphupha, zange ndicinge ukuba ndizakuzibona kwimveliso enkulu ngoluhlobo, oku ndandisoloko ndikubona emaphupheni,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Ukanti usapho lwakhe lukonwabele kanobom ukumbona kumabonakude. Umakazi wakhe uNonkululeko Mdunyelwa uthe: “Ndiyaziqhenya ngoAyandisile. Siphila kwindawo apho kunqongophele kanobom ukuhanjiswa kweenkonzo, kwaye oku kubeka abantwana bethu esichengeni.”
“Kodwa siyamxhasa, nangona singenanto naye kungekhonto ingakanani ayibeka etafileni, sifuna afezekise amaphupha akhe.”
UAyandisile ubanqwenelela ubomi obungcono abanye abantu abatsha abafana naye.
“Ngenye imini ndifuna ukuvula isikolo sobugcisa ukuze ulutsha olunesakhono, luqeqeshwe kwaye lufumane amathuba azakubenzela ubomi obungcono,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: NguAyandisile Qibazonke
Imvelaphi yomfanekiso: NguKhaya Ndaba