Sityhuthulwe ngoonqevu isikolo sabantwana abanezidingo ezikhethekileyo

Ngu Doreen Mokgolo

NgoLwesithathu kulindeleke ukuba abafundi babuyele enkomeni kwizikolo zeli, kodwa iingcango kwisikolo sabantwana abanezidingo ezikhethekileyo iMatshidiso Special School kungenzeka zihlale zivaliwe emva kokuba oonqevu begqekeze bathatha izixhobo zonyango ezibalulekileyo. 

Inkqubo yokufunda nokufundisa isemfiliba emva kokuba iziko lempilo elihambayo lesikolo iTsakane mobile clinic ithe yonakaliswa ngempelaveki. 

Inqununu yesikolo uThapelo Tshetlo uthe eliziko lempilo libalulekile kuba esisikolo sibonelela abantwana abanezidingo ezikhethekileyo, nalapho uninzi lwabo kunyanzeleka ukuba babonelelwe ngoncedo lwempilo olukhawulezayo.  

“Njengoko abantwana bezakubuyela esikolweni ukusukela ngoLwesithathu, sizakwenza njani ukukhawulelana neengxaki zabo ezidinga ingqalelo ngokukhawuleza, njengoko izixhobo zibiwe?” ubuzile.  

Zinzi kakhulu izinto ezibalulekileyo ezibiweyo, ziquka amachiza okunyanga izifo ezifana nesifuba, amagubu anomoya okuncedisa abanengxaki yokuphefumla, omatshini bokujonga ukubetha kwegazi emzimbeni, kunye nemitshini yokujonga iswekile egazini. 

“Abanqevu abanantliziyo, bathathe nditsho amalaphu angasese amantombazana kunye nemitshini yokuhlola uhlobo lwegazi,” utshilo uTshetlo. 

Baphinde bagqekeza kumagumbi okufundela asixhenxe, kuquka nekhitshi, apho bathathe khona izitovu ezibini eziphinde zafunyanwa zogqunywe yingca ende kufutshane nocingo lombane olukhusele esisikolo. 

Okwangoku akukacaci ukuba abophuli mthetho aba bagqekeze nini kwesisikolo, kodwa umonakalo ubonwe ngentseni yangoMvulo ngethuba abasebenzi besisikolo beye esikolweni belungiselela ukuvulwa kwezikolo kuleveki. 

UTshetlo wongeze ngelithi esisikolo sizifumana sinomceli mngeni esiqubisana nawo wokugqekezwa kuleminyaka mithathu idlulileyo. 

Uthe esisikolo sifundisa izakhono, kwaye sisebenzisa ezinye zezixhobo ezibiweyo ukufundisa abantwana. 

“Sizakubafundisa njani abantwana xa unyaka nonyaka kusebiwa izixhobo? Silindele ukuba uluntu ekuhlaleni lusikhusele esisikolo kuba kuphela kwesikolo esikhoyo kulengingqi esihlinzeka imfundo kubantwana abanezidingo ezikhethekileyo,” wongeze ngoluhlobo. 

Usihlalo wesigqeba esilawulayo kwesisikolo uJosias Hlambisse, ubongoza abahlali ukuba bakhusele esisikolo. 

“Isikolo iMatshidiso kuphela kwesikolo esikhathalela abantwana abanezidingo ezikhethekileyo kulommandla, kufuneka sisikhusele,” utshilo. 

Isithethi samapolisa kwisikhululo iTsakani uSergeant Lerato Mngomezulu, uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokugqekezwa kwesikolo. 

“Akukho barhanelwa sele bebanjiwe, kwaye simemelela nabani na onolwazi lokuba bangafumaneka aze ngaphambili,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Indawo yokugcina machiza atyhuthuliweyo kwisikolo sabantwana abanezidingo ezikhethekileyo iMatshidiso Special School 

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo