
Ngu Khaya Ndaba
Osebenza ngokuphembelela izigqibo zoluntu, okwathengisa ngesondo kunye nongusaziwayo kwinkqubo kamabonakude ethi This Body Works For Me, uNomagugu Samke oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu utsho esidlangalaleni ukuba akasafuni kuba ngomnye wabantu abathengisa ngesondo.
Uthe ufuna ukuthatha uxanduva ngokomoya, ukuze zisuke kuye iintambo ezimrhintyela kumsebenzi wokuthengisa ngesondo.
Ukuthethe oku kwiqonga lezonxibelelwano iTwitter Space stream esithi “Abantu abadala kunye neengilosi ezingumkhomba ndlela”, ethetha oku kwabanye abasebenzisi beliqonga abangaphezu kwekhulu elineshumi ababe kumnatha ngeloxesha. Iqonga leendaba iScrolla.Africa lalikhona ngethuba ethetha oku uNomagugu.
Ukutshintsha kwakhe ingqondo, kwaba ziziphumo zohambo olutsha lokholo aluthabathileyo. Emva kweeveki ezimbalwa egxekwa ngabantu esidlangalaleni ngezigqibo zobomi bakhe kunye nangokuthatha inxaxheba kumboniso wakhe odumileyo oyinyaniso, uthe uthathe isigqibo esithathe ixesha elide kwaye esinzima sokuba azihlole yena, kwaye ukhethe ihambo eyohlukileyo.
“Ndikholelwa ukuba uThixo undithumelele umyalezo. Uthe kum ukuze ndikwazi ukubuyela kuye, kufuneka ndiyiyekile indlela endiphila ngayo, kuze ndikwazi ukungena eMyezweni waseEden, utshilo exelela abalandeli bakhe kuTwitter.
Uqhube wathi: “Xa ndisabelana ngesondo nabantu abaninzi,andoni kuThixo kuphela kodwa nakum.”
Wongeze ngelithi: “Ndifuna ukungcamla ubomi obukhululekileyo, kodwa andikwazi kuyenza lonto ngenxa yezinto endizenzayo. Nditsala zonke izinto ezingafanelekanga zize kum ngenxa yomsebenzi endiwenzayo ofana neziyobisi, utywala kunye nezifo ezosulela ngokwesondo.”
UNomagugu uthe, xa edibana nalamadoda, elala nawo akaziva ebophelelekile kuwo ngokwemvakalelo.
Uthe ufuna ukwenza inkonzo yasekamereni apho azakuba yinxalenye yayo nangemvakalelo zakhe, kodwa kubantu asebenza ngabo imvakalelo azikho kwaphela ngokungathi ufile.
Nangona efuna ukuzikhwebula kulomsebenzi, uthi akazuvele ayeke ngexeshanye kuba uyakonwabela ukwabelana ngesondo kwaye usafuna ukwenza imali.
Umfanekiso ongasentla: NguNomagugu Samke
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe