
Ngu Lungani Zungu
Lufikele kumalungu omzimba wonyana wabo ohlulahluliwe usapho lukaPhilasande Shange, emva kokulandela umkhondo womyalezo womntu ongaziwayo malunga nendawo abanoku fumana kuyo unyana wabo.
UPhilasande walahleka ngoLwesine kwingingqi yakhe KwaDukuza kumantla ePhondo laKwazuku Natal.
Ngokukhawuleza, abahlali baqokelelana baqalisa ukukhangela lenkwenkwana.
Olugqogqo kukhangelwa lwenkwenkwana khange luze naziphumo zincumisayo njengoko iiyure zijike zaba ziintsuku.
Umtyhi ufumaneke ngeCawa emva kokuba usapho lukaPhilasande lufumene umyalezo kumntu ongaziwayo ubaxelela indawo abazakumfumana kuyo unyana wabo – ungakhange utsho nokuba uyaphila okanye uswelekile na?
Onke amathemba okufumana lenkwenkwe isaphila atshabalala ngethuba usapho kunye nabahlali befika kwindawo enamahlahla eNtshwawini. Apho bafika bejanyelwe yintloko yakhe, kunye nomlenze wasekunene kuphela, onke amanye amalungu omzimba asalahlelike.
Ukanti lomyalezo wothusayo uxelele usapho lwakwa Shange ukuba malushiye indawo yaseMphithiza, okanye amalungu ongezelelweyo olusapho azakwehlela kokwehlele uPhilasande.
“Andazi ukuba senze ntoni, kodwa abanye abantu befungele ukusikhupha kulendawo, yaseMphithiza. Kubuhlungu kuba asinayo enye indawo esinokuya kuyo. Okubi nje kukuba asazi ukuba senze ntoni,” Litshilo elinye ilungu losapho elicele ukungadizwa.
Esisiganeko soyikekayo sishiye unxunguphalo kulommandla kwaye abahlali boyikela impilo zabo.
UThami Sibisi obeyinxalenye yabantu abebekhangela lenkwenkwe, uthe esi sisiganeko sokuqala ukwenzeka kulommandla.
“Wonke umntu ekuhlaleni ukhathazekile. Oku kophula intliziyo,” utshilo uSibisi.
Uceba walewadi uVirginia Mwandle uthe: “Ibuhlungu kwaye iyothusa into eyenzekileyo, kwaye abahlali abaninzi boyikisela impilo zabo, kuba asazi ukuba abantu bayenza njani into efana nale kumntu omncinci.”
Amapolisa aKwaDukiuza asakhangela abarhanelwa.
“Amapolisa aKwaDukuza avule ityala lokubulala emva kokufunyaniswa kwamalungu omzimba womntu kumthombo osehlathini kwindawo yaseNtshaswini ngeCawa,” sitshilo isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda.
Kuyaqhuba ukukhangelwa kwamalungu omzimba walenkwenkwe alahlekileyo, utshilo uNetshiunda.
Umfanekiso ongasentla: NguPhilasande Shange owafinyanwa eswelekile amalungu omzimba phlukanisiwe.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe