OonoTaxi bazenza amagosa ezendlela

Ngu Anita Dangazele

Umphathiswa wesebe lezothutho, uXolile Nqatha utyhola abaqhubi beeTeksi eMpuma Kapa ngokuzenza amagosa ezendlela emva kweziganeko zokuvalwa kweendlela ngokungekho mthethweni, nalapho abaqhubi baye bazibhaqe bengamaxhoba wobuqhetseba. 

Kwimbalelwano ekhutshwe ngempelaveki, uNqatha umemelele amaqumrhu ezomthetho ukuba athathe amanyathelo ngakwabo bazenza amagosa ezendlela. 

Ulumkise ngelithi abo baqhubeka nokubandakanyeka kulomkhuba bazakujamelana nengalo yomthetho. 

“Asikwazi kuvumela imeko yokuba kubekhona abantu abazenza amagosa ezomthetho, besenza umsebenzi ekufanele wenziwe ngurhulumente, bengcungcuthekisa kwaye beqweqwedisa abantu bethu bebafuna imali,” utshilo. 

“Sivakele isankxwe esenziwe luluntu malunga nokuvalwa kweendlela ngeenjongo zokuzuza imali,.” 

UNqatha unike uxanduva kubaphathi becandelo lezithuthi zika wonke-wonke ukuba balwisane nezizenzo zolwaphulo mthetho ekukholeleka ukuba zenziwa ngamalungu abo. 

“Imbinana yabantu abayinxalenye yoku, babeka ibala elibi kwicandelo lonke lezithuthi zikawonke wonke,” utshilo. 

UZola Yolelo ongusihlalo wequmrhu iSouth African National Taxi Council (SANTACO)  kwiphondo lempuma Kapa utyhola umphathiswa wesebe lezothutho ngokungafuni ukusebenzisana necandelo lezithuthi zikawonke wonke. 

UYolelo uthe iqumrhu lezothutho lalidla ngokusebenzisana namapolisa kunye namagosa ezendlela. “Amapolisa okanye amagosa ezendlela akangomoya oyingcwele, akakwazi ukuba kuzo zonke iindawo ngawo onke amaxesha.” 

“Ubukho bethu kuncedisa ukwazisa amapolisa ngolwaphulo mthetho, asizami ukuzenza amapolisa.” 

Ebhekisa kwizityholo zokuphazamisa abaqhubi: “Ukuba akhona amalungu ethu enza oko, andiwathetheleli,” utshilo. 

UYolelo uthe bona bebencedisa. “Ukuba sibona isithuthi esincinci sohlobo lweCorolla sigcwele ngabantu, kwaye singenayo imvume  yokusebenza, siyasibamba ukuze amagosa ezendlela kunye namapolisa aqubisane naso.”

Abaqhubi batyhola oonoteksi ngokumisa izithuthi ngeenjongo zokukhangela abakhweli abaye bakhethe ukukhwela izithuthi ezikhawulezayo kunezo zika wonke-wonke. Batyhola ngelithi abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke baye banyanzelise ukubona izazisi zabakhweli kwizithuthi zabo ngenjongo yokufumanisa ukuba ziyafana kusinina ifani, ze kuthi xa zingafani banyanzelise umqhubi ukuba ahlawule imali yesohlwayo kubo. 

UNonzukiso Hala, obelixhoba lakutsha nje ngethuba ubehamba esuka eMthatha esiya eGqeberha, uthe akukhondlela yothethathethwano inokusombulula lengxaki. 

“Le yingxaki esele iqhuba iminyaka; soze iphele. Amapolisa akenzi kwanto ngayo. Sele sisazi emasikulindele ngeeholide zokuphela konyaka kunye nempelaveki yePasika. Ababaqhubi bayazidla ngayo kuba bayayazi ukuba abasoze babanjwe.” 

Omye wabaqhubi abachaphazelekayo uthe, oku kwenziwa kukuba abanye abaphathi bezithuthi zikawonkewonke ngamapolisa, ngako ke abazukwenza nto ngalemeko. 

Isithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe, amapolisa ayibeke esweni lemeko kwaye abongoza uluntu ukuba luze ngaphambili neziganeko eziloluhlobo emapoliseni. 

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha, ethetha namagosa ezendlela ngethuba kusenziwa isithintelo sendlela

Imvelaphi yomfanekiso: lisebe lezothutho lephondo leMpuma Kapa