Limfiliba ikamva labafundi bebanga leshumi ngenxa yokukhutshwa kade kweziphumo zabo

Ngu Celani Sikhakhane

Baxhalabile abafundi bebanga leshumi malunga nokukhutshwa kade kweziphumo zabo, ekulindeleke ukuba zikhutshwe ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga yoMqungu.

Ababafundi bathi oku kuzakulibazisa abo basafuna ukufaka izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo okanye abo bafuna ukuphucula iziphumo zabo. 

Abazali, abafundi kunye namaqumrhu abucala akonwabanga kwaphela, besithi oku kuzakubangela ukuba ubomi babafundi abaninzi bume ngxi – okanye baphele sebesenza izifundo ebebengathandi ukuzenza. 

Njengoko kulindeleke ukuba iqale ekuqaleni kwenyanga yoMdumba inkqubo yokufunda nokufundisa kumaziko emfundo ephakamileyo, abafundi abanalo kwaphela ixesha lokuba balungelelanise izicelo zabo ngokuhambiselana neziphumo zabo. 

Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa, omnye wabazali eNewcastle uNokuphiwa Mncube uthe, ukusukela ngonyaka ka2020, bajamelene nalomceli mngeni mnye wokukhutshwa kade kweziphumo zebanga leshumi. 

“Intombi yam zange ikwazi ukufaka isicelo sokufunda kwangexesha ngenxa yemiceli mingeni ejamelene nabantwana basemaphandleni. Walinda ukuba kubuye iziphumo zakhe, ezafika sele eshiywe lixesha wangakwazi kufaka isicelo kwiziko lemfundo enomsila ebelinqwenela.” 

“Oku akulunganga kwaphela kwaye andazi ukuba kutheni beqhubeka bekwenza,” utshilo uMncube.

USkhanyiselo Mdlalose ophuma kwisikolo sokuphucula iziphumo zebanga leshumi iZenzele Matric Upgrade uthe, ingxaki enkulu kukuba abantwana basemaphandleni abazifaki ngexesha izicelo kwiiDyunivesithi neeKholeji, kuba balinda iziphumo zabo ziphume.

“Yingxaki esizibona sigaxeleka kuyo sonke leyo,” utshilo uMdlalose. 

“Xa sele kufika iziphumo, ingxaki iba kukuba abafundi abaninzi abanalo ithuba lokuphucula iziphumo zabo ukuze bamkelwe kumaziko emfundo abawafunayo. Ixesha liba lifutshane kakhulu kwaye amanye amaziko aba sele eqalile ngenkqubo zokufunda nokufundisa zonyaka.”

UMlungisi Zungu wequmrhu iSinothando Youth Foundation uthe bamanxadanxada bencedisa abanye abafundi ukuba bafake izicelo kwiiDyunivesithi kunye neeKholeji kodwa inkxalabo lusuku ekuzakukhutshwa ngalo iziphumo lisebe lemfundo esisiseko. 

“Sizakubafakela njani izicelo abo bazakuzifaka kade, xa iziphumo zizakuphuma ngomhla osondele kwimpelanyanga yoMqungu? Akulunganga oku, kwaye kufuneka bekulungisile,” utshilo. 

Ngentseni yangomvulo umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo uGqr Blade Nzimande uxelele isikhululo sikanomathotholo seSABC Ukhozi FM kwinkqubo ndaba yesisikhululo ukuba, sele benalo inani labafundi abazakwamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo. 

Kwiminyaka edlulileyo iziphumo zebanga leshumi zazikhutshwa kwiintsuku eziphakathi komhla weKhrismesi nonyibidyala, ukunika abafundi ixesha elaneleyo lokufaka izicelo kunye nokuphucula izifundo zabo. 

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wesebe lemfundo esisiseko uAngie Motsheka 

Imvelaphi yomfanekiso: Twitter