
Ngu Buziwe Nocuze
EZiphunzana kwaC Section eMonti, abahambi ngenyawo bayazifela ngetyotyombe likaIyahcracy elakhiwe lanemigangatho emibini.
Elityotyombe linamagumbi amane litsale umdla woluntu lwalendawo, kwaye uninzi lwabantu luye lufike lume luthathe imifanekiso oko lathi lakhiwa nguIyahcracy ngonyaka ka2017.
“Wonke umntu onenkolo yamaRasta uza azophola apha. Yeyona ndawo yolonwabo kubo le, apho baxoxa nangezinto ezibalulekileyo kubo,” utshilo.
“Asibagxothi abantu basekuhlaleni abafuna ukufunda kabanzi ngenkolo yethu.”
Uthe abantu abaninzi babengakholelwa ukuba angakwazi ukwakha ityotyombe elinemigangatho emibini, bakholwa mhla belibona elityotyombe batsho beza bazokuthatha imifanekiso.
“Kulendawo wonke umntu uvumelekile xa engazusibangela ingxaki. Singabantu abanoxolo kwaye asikuthandi ukulwa,” utshilo.
Uthe ngaphambi kokuba kuqhambuke intsholongwane yeCorona, wayeneshishini awayelenza kuba abantu babefika bathathe imifanekiso bacele nokutya.
“Ndagqiba ekubeni ndithengise ukutya. Sasithengisa intlanzi kunye neetships zamazambane kunye nokutya, kwaye sasithengisela bonke abantu kuquka namaRasta,” utshilo.
“Ndizakuphinde ndiyivule kwakhona lendawo kuba yayingekokutya kuphela okufumaneka apha. Sasisabelana noluntu ngendlela esiphila ngayo sibafundisa ngobomi bethu”
Omnye wabahlali uMasixole Lukhele unoloyiko lokuba, elityotyombe lingawa abantu bengaphakathi ngenye imini.
“Likhangeleka lomelele, kodwa ndinoloyiko lokhuseleko,” utshilo, kodwa esitsho ukuba uyasithanda esisakhiwo.
“Bangabantu abangamachule kwaye elityotyombe lihle. Ayindothusi into yokuba bantu bathatha imifanekiso kufutshane nalo.”
Umfanekiso ongasentla: Ityotyombe elakhiwe lanemigangatho emibini eZiphunzana eMonti, kwiphondo iMpuma Kapa litsala abatyeleli
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze