
Ngu Karabo Rammutla
Isebe lezempilo kuzwelonke liyasikhaba isaziso ebesithe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, esibanga ngelokuba usuka kwisebe lezempilo simemelela ukuba uluntu lunxibe izifonyo.
Esisaziso sobuxoki simemelela uluntu ukuba lunxibe izifonyo kwindawo zasesidlangalaleni, njengoko kufunyaniswe uhlobo olutsha lwentsholongwane ye Corona, iXBB1.5.
Noxa kunjalo, isebe lezempilo liqinisekisile ukuba bakhona abantu abafunyaniswe benohlobo olutsha lwentsholongwane yeCorona ehambiselana neOmicron.
Intsholongwane ebizwa ngeXBB 1.5 inwenwa ngokukhawuleza kwilizwe laseUK, kwaye kukholelwa ukuba luhlobo lwentsholongwane ehambiselana neOmicron olunwenwa ngokukhawuleza. Kuqikelelwa ukuba izakuthi ndii kwihlabathi liphela.
Ingcali zithi akukho sizathu sinokwenza uluntu lucinge ukuba intsholongwane yeCorona yohlobo lweXBB1.5 inobungozi kakhulu ukodlula ezinye iintlobo zalentsholongwane. Zikwathi isigonyo kunye nezigonyo ezongezelelweyo zizo ezizakukhusela uluntu kwintsholongwane iCovid 19.
Ngomgqibelo isebe lezempilo libhale kwiqonga lezonxibelelwano uTwitter lisithi lazisiwe malunga nohlobo lwalentsholongwane yosulela ngokukhawuleza, kwaye likwingxoxo neenzululwazi ngeenzame zokufumana ulwazi oluphangaleleyo, kuquka nendlela etyhutyhatyhutyha ngayo nobungozi bayo.
Isaziso esikumakhasi ezonxibelelwano, okhatywayo lisebe lezempilo uthi oluhlobo lutsha lwalentsholongwane lunobungozi kakhulu ukodlula ezinye iintlobo ebezikhona ngaphambili, ukwathi ngamanye amaxesha lentsholongwane ayinazo iimpawu zokugula, ngako ke imiqathango efana nokunxitywa kwezifonyo ibalulekile.
Isithethi sesebe Foster Mohale uthe, bayazikhaba iingxelo zakutsha nje ezichaza njengobuvuvu obupapashe ngumntu ongaziwayo ngeenjongo zokoyikisa uluntu.”
“Into ebalulekileyo kukuba iqumrhu iWorld Health Organisation (WHO) yasikhupha isilumkiso [ngenyanga yedwarha kunyaka ka2022] malunga namathole entsholongwane iOmicron angu BQ.1 kunye neXXB abafunyaniswe kumazwe ehlabathi nokuba uyaqhuba umsebenzi wokulandelela nezinye iintlobo zalentsholongwane liqela elikhethekileyo eliyi Technical Advisory Group on SARS -Cov-2 Virus Evolution (TAG-VE),” utshilo.
UMohale uthe indima yeqela iTAG-VE kukwazisa iWHO ukuba kukhona uhlobo olutsha lwalentsholongwane olunokubangela ubhubhane kuluntu lwehlabathi ngokubanzi, kubangele noxinizelelo kwisebe lezempilo.
“Okwangoku, akukabikho bungqina bokuba lentsholongwane izakubangela umngcipheko kubantu abaninzi xakuthelekiswa namanye amathole entsholongwane iOmicron,” utshilo.
Wongeze ngelithi isebe, lisebenza neziko elijongene nezifo ezosulelayo kunye neenzululwazi, liyaqhuba nokubeka esweni onke amathole entsholongwane iCovid 19, kwaye limemelela abemi beli ukuba baqaphele.
“Iintlobo ngeentlobo zentsholongwane iCovid-19 zisekhona, kwaye esikaphumi ehlathini xa kuthethwa ngalo bhubhane. Yiyo lonto abantu bebongozwa ukuba mabagonywe bathathe nezigonyo ezongezelelweyo, ukuze bakwazi ukongeza amajoni abo omzimba,” utshilo.