
Ngu Linda Ximba
Umqeqeshi uPitso Mosimane uwagalele amanzi amarhe wokuba uThembinkosi Lorch kungenzeka aye kudlalela iqela lakhe elikumgangatho ophezulu eSaudi Arabia iAl-Ahli.
ULorch, okwangumdlali ophambili kwiqela leBafana Bafana, ukhangeleka engazinzanga kwiqela leOrlando Pirates, kwaye udlale imidlalo emihlanu kuphela kule sizini.
Ebutsheni balenyanga umqeqeshi weOrlando Pirates uJose Riveiro ugalele amafutha kulamarhe ngethuba ebonakalisa ukungabinamdla wokuchaza ngempilo yalo mdlali. Lo kaLorch wenziwe utyando olucetyiweyo lwesiqhelo ngenyanga yeNkanga.
Kwiveki ephelileyo, unozaku zaku wakhe uJazzman Mahlakgane uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akanokwazi ukunika inkcaza malunga nemeko yalo mdlali.
Njengoko kubonakala ukuba amarhe okuba lo mdlali uyakwiqela laseMiddle East aye eqina, uMosimane ukhawuleze wachaza gabalala ngalemeko ngomvulo.
“Ukuba iqela iAl-Ahly lifuna uthembinkosi Lorch, usihlalo UKhoza kunye nam besizakuba ngabantu bokuqala ukwazi ngalonto,” Utshilo lowo wayesakuba ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns kunye neAl-Ahli kwiqonga lika Twitter.
“Akukhomntu unokwazi de kube iOrlando Pirates yiyo ebhengeza ukuba sigqityiwe isivumelwano. Ukuba ezindaba ziyinyani, kuthetha ukuthi mna andazi nto ngazo.”
Iqela lika Mosimane liqale unyaka omtsha lisemfuthweni ngengoko libethe Al-Shoula ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova. Kungoku nje bahleli kwindawo yesithandathu kwilog, linamanqaku angamashumi amabini anesine eliwafumene kwimidlalo elishumi elinesithathu.
IAl-Ahli izakudlala neqela eliphala phambili kwilog iAl-Faisaly (elinamanqaku angamashumi amathathu) ngoMgqibelo kwinto iingcali ezithi kusekude ukuba kufunyanwe iqela elizakudluliselwa kwisigaba seSaudi Pro League
Umfanekiso ongasentla: UKapteni uThembinkosi Lorch kunye no Pitso Mosimane.
Imvelaphi yomfanekiso: Backpage