Iinzame zokuvuselela uEskom ziyaqhuba

Ngu Doreen Mokgolo

Umongameli weli uCyril Ramaphosa uthe thaca isicwangciso-qhinga esineenkalo ezininzi zokuphelisa ucimi-cimi wombane kunye neengxaki ezambethe iziko lokuphehla umbane uEskom, kwintetho yakhe kumsitho wokubhiyozela iminyaka elikhulu elineshumi elinanye yokusekwa kweANC.

Njengoko ilizwe loMzantsi Afrika lizakubuyela kwisigaba sesine sikacimi-cimi wombane ngeCawa, uRamaphosa uthe inkqubo yokucinywa kombane ingumqobo kwiinzame zokuvuselela uqoqosho.

Umongameli ukuthethe oku ngethuba esenza intetho kusuku lokubhiyozelwa ukusekwa kombutho weANC, kwibala lezemidlalo iDr Petrus Rantlai Molemela eMangaung, kwiphondo laseFree State ngeCawa. 

“Ugqaliselo olukhawulezileyo kufuneka lube sekuqinisekiseni ukuba izikhululo zombane zinabasebenzi abanezakhono nabanamava; ukulwa nokonakaliswa, ubusela norhwaphilizo kwizikhululo zamandla kunye nokuphucula iinkqubo zentengo.” 

“Ibhodi yakwaEskom kufuneka ifune iingcaphephe ezikumgangatho wehlabathi ukuze zivale izithuba kulawulo lwesigqeba,” utshilo uRamaphosa.

Umongameli ukwathe inkampani yakwa Eskom kufuneka imisele inkqubo efanelekileyo yokuqubisana nezidingo zombane, ngeenzame zokunciphisa uxinizelelo olukhoyo kumaziko ombane, kwaye aqinisekise unikezelo lombane ngaphandle kophazamiseko kumacandelo angundoqo aquka izibhedlele, amaziko emfundo kunye namaziko abalulekileyo koomasipala beli. 

“Sizakuqhuba nokumilisela inkqubo yentsebenziswano yonyaka ka2019 equka ukuthengwa kwamandla okuvelisa umbane amatsha alinganiselwa ngaphezu kwe18 000 MW.”

“Oku kuquka ukusetyenziswa kweziseko ezifunyenwe phantsi kwephulo lotyalomali iJust Energy Transition ukukhawulezisa ukuphucula umgangatho wamaziko okuphehla umbane kaEskom akwazi ukwamkela amandla amatsha okuvelisa umbane.” 

Noxa kunjalo, izicwangcwiso zika mongameli uRamaphosa zokutshintsha indlela yokuvelisa umbane kutyeshelwe ukusetyenziswa kwamalahle, kutshintshwe kusetyenziswe indlela ezintsha ezikhuselekileyo kokusingqongileyo, zigxekwe ngamandla phakathi kumbutho weANC kuquka namalungu kanxantathu aquka iCosatu ne SACP. 

Umongameli weCosatu uZingiswa Losi kunye nonobhala jikelele weSACP uSolly Mapaila bezigxeka kabukhali ezizicwangcwiso ngelithi zizakuphembelela iziphumo ezibi kubasebenzi bemigodi yamalahle eMpumalanga, kwaye zingabangela iidolophu ezivelisa amalahle zisale zingamabhodlo. 

Umfanekiso ongasentla: Umbutho weANC ubhiyozela iminyaka elikhulu neshumi elinanye

Imvelaphi yomfanekiso: @MyANC