
Ngu Lungani Zungu
UZahara Haraun sele ebambelele kwiinkumbulo anazo ngentombiyakhe eneminyaka esibhozo uRahma Rashide ohambe nezikhukhula ngethuba kunetha izandyondyo zemvula kwiphondo laKwaZulu Natal.
Abahlali abalali bekhangela naphantsi kwezicithi umzimba walentwazana ukusukela ngolwesihlanu, emva kokuba wakhukhuliseka ezama ukuwela ibhulorho yomlambo iMsunduzi River ePietermaritzbug.
“Ubeyintombi ehlakaniphileyo kwaye ehlonipha. Ndiyamkhumbula kakhulu, ndikhumbula noncumo lwakhe. Ndizakonwaba ukuba ndingafumana umzimba womntwana wam ukuze ndimngcwabe ngesidima.
Olusaphu luzinzalelwane zaseDemocratic Republic of Congo, sele kuphele iminyaka engaphezulu kwelishumi luhlala kweli.
URahma ubengumfundi webanga lesibini kwisikolo samabanga aphantsi iAshdown Primary School
Oko kwathi kwatshona intombi yakhe emanzini, uZahara akazasabuboni ubuthongo.
“Iingcinga ziyandongamela xa kufuneka ndilele ebusuku. Andisakwazi nokutya kuba andazi nokuba siphi isidumbu sentombi yam.”
Ebalisa ngosuku lwesehlo sokutshona kwentombi yakhe, uthi wayezama ukuwela ibhuloro besiya ekhayeni labo, ngethuba enye indoda yacela ukumnceda imphathele intombi yakhe xabewela lomlambo.
Njengoko wayesazama ukunikezela ngentombi yakhe kule ndoda, waphuncuka ezandleni zakhe kwabe uyagqibela ukumbona kanjalo nje.
Uceba wewadi Dumisani Phungula uthe: “Sizakuqhubeka siwukhangela umzimba wakhe side siwifumane. Oko siqale ngoLwesihlanu ukukhangela kodwa asikafumani kude kubengoku.
URahma – ngumntwana wesibini, kubantwana abane – iphondo laKwaZulu Natal liqinisekisile ukuba kuphela komntu ochazwe njengolahlekileyo emva kwezimvula bezina ngamandla eKZN namanye amaphondo eli – kwasala uninzi lwabantu lungenamakhaya.
Olunye usapho eMsinga lusinde ekufeni ngethuba kusiwa indlu yalo, apho kwashiyeka amalungu osapho engxwelerheke ngokumandla lusachacha esibhedelele.
Urhulumente wephondo iKwaZulu Natal uthi usabala iindleko zomonakalo.
Noxa kunjalo, ixabiso lokulungisa umonakalo alikwazi kulinganiswa nomonakalo owenzekileyo ukusukela ngempuphuma ezazigqugqisa ngenyanga kaTshazimpuzi, apho kwasweleka abantu abafikele kumakhulu amane, kwasala amawaka waka engenandawo yokufihla intloko.
Umonakalo kwiziseko ezifana nemizi, iindlela, izakhiwo nezinye iziseko ezibalulekileyo – wawuqikelelwa ukuba uzakutyabula urhulumente iibhiliyoni zeerandi ukulungiswa kwazo.
Ukanti uninzi lwabantu, alukabi nawo amakhaya emva kwempuphuma zenyanga kaTshazimpuzi.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Rahma Rashide oneminyaka esibhozo otsone kwibhulorho ePietermaritzbuirg kwiveki ephelileyo
Imvelaphi yomfanesiko: Uthunyelwe