
Ngu Buziwe Nocuze
Azakuziva njengamadoda phakathi kwamanye amadoda amawele aseKapa uToto noMatoto Jack, ababesoloko bengcungcuthekiswa kuba kusithiwa ngamakhwenkwe kwiintlanganiso zasekuhlaleni.
Ekugqibeleni, lamawele sele eneminyaka engamashumi amane anesithathu, angene esuthwini ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga yeNkanga abuya ngomhla wesithandathu kwinyanga yoMqungu.
Babeneminyaka elishumi kuphela ngethuba kusweleka abazali babo, baphila ngokuhlamba imoto kodwa zange bakwazi ukonga imali eyoneleyo ukuze bakwazi ukuya entabeni.
“Sasingathathwa njengamadoda okwenene, sijongelwa phantsi. Sasisoloko sibekelwa bucala kuba sithathwa njengamakhwenkwe.”
“Ayokho into ekhathaza nethoba isidima njengokujongelwa phantsi ngumntu omncinane kuwe kuba eye esuthwini,” utshilo uMatoto.
Lamawele axelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akulungele ukuqala ubomi obutsha.
“Isidima sethu sisifumene, kwaye siyakwazi nokuzithemba kwakhona, kwaye sizokwazi nokuthatha inxaxheba nakwintlanganiso zasekuhlaleni,” utshilo uToto.
Uthe ukuziva njengendoda yimvakalelo eyonwabisa ukodlula yonke into.
“Sibulela kwiSomagwaza Institute, abantu basekuhlaleni kunye nawo wonke umntu owenze ukuba umsebenzi wethu ubeyimpumelelo.”
Eliqumrhu lijonge ukuncedisa amakhwenkwe asuka kumakhaya ahlelekileyo, angakwaziyo ukuhlawulela iindleko zokuya esuthwini.
USizakele zokufa oyingcibi yesintu, okwasisithethi seliqumrhu uthe, bancede amadoda alishumi elinanye ebengakwazi ukuba aye kwisikolo solwaluko.
“Saqala iphulo lokukhulisa ingxowa mali yokuncedisa amakhwenkwe alishumi elinanye ukuba akwazi ukuya esuthwini,” utshilo uzokufa.
“Ibingabafanelekanga impatho ebebeyifumana eluntwini. Eliphulo libe yimpumelelo, kwaye sizakuqhuba sinceda abo badinga uncedo lwethu.”
Uthe eliphulo linceda amadoda angaziboni sele izizisulu zolwaphulo mthetho neziyobisi.
“Uluntu lwasekuhlaleni ludlale indima enkulu ngokunikezela ngeempahla nezinye izinto, ngelixa ivenkile yokutya uShoprite encedise ngokutya. Into abayenzileyo asiyithathi kancinci,” utshilo.
Iqumrhu iSomagwaza incedisa lamawele ukuba afumane izazisi.
“Sifuna bafumane umsebenzi, kodwa okwangoku bangaqhuba nokuhlamba izithuthi ukuze bakwazi ukuthenga ukutya ngelixa sisazama ukubanceda bafumane izazisi,” utshilo uZokufa.
UNomava Ndungane uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ukuzithemba kwalamawele kuchaphazeleke kakhulu yindlela ebephethwe ngayo.
“Ukuba singanabantu abafana noSizakele Zokufa, singanceda abantu abaninzi. Indawo eshlala kuzo zidinga iinkokheli ezizakuhlala indlela elungileyo.”
Umfanekiso ongasentla: Ingcibi yesintu uSizakele Zokufa okwasisithethi sequmrhu iSomagwaza Institute kunye namadoda amatsha abawancedise eKapa.
Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe.