
Buyincindi yekhala ubomi besangoma uMable Mhlange. Ubudlelwane bakhe buphazamisana neshishini lakhe nto leyo ibangele ukuba acele amalizo kubantu esitalatweni.
UMhlange oneminyaka engamashumi amane anesibini uthe ulandelwa lilishwa ukusekela waqala ukuba nobudlelwane neqabane lakhe lebala uTiaan Vos omcinane kuye ngeminyaka engamashumi amabini.
Esi sangoma sikrokrela ukuba izinyanya zakhe azilithandi iqabane lakhe, kodwa zange zithethe naye okanye zimfikele emaphupheni ukubonakalisa ukuba zimthandi.
Uthe uncamele ukuba acele ebantwini kuba akenzi mali ngenxa yokuba ishishini lakhe liyadodobala, itshilo ingxelo yephaphandaba iDaily Sun.
Uthe bambalwa kakhulu abantu abazakuye befuna uncedo ukusukela wathi waqala obubudlelwane. “Abo bathe bazofuna uncedo bayasokola ukubahatala,” utshilo uMhlanga.
Lo kaMhlanga uthi uyabathanda abantu, kwaye ngamanye amaxesha ubaphilisa ngaphandle kwentlawulo.
Nangona izinyanya zakhe zingekathethi naye malunga neqabane lakhe elitsha, uthe akanazicwangcwiso zokohlukana nalo.
“Ndiyamthanda kwaye andinazo izicwangciso zokuba ndohlukane naye ngokukhawuleza,” utshilo uMhlanga.
Lo mama wabantwana bathandathu uphila ngemali yesibonelelo sabantwana bakhe abathathu kuphela. Kunyaka ophelileyo uthe wenza umcimbi wokungxengxeza kwizinyanya zakhe kodwa nangoku abakabuyi abantu abadinga uncedo lwakhe.
UMhlanga wongeze ngelithi izinyanya zakhe zamcela ukuba enze umcimbi axhele inkomo, kodwa njengoko engenayo imali kuzakuba nzima.
Esi sangoma sithi nangona singakholelwa ukuba izinyanya zakhe zimqumbele, urhanela ukuba abantu banomona ngiobudlelwane bakhe.
“Kodwa andiqondi ukuba nguye ingxaki. Sonwabile kwaye siyathandana nomlungu wam kodwa akukho nomnye kuthi onemali,” utshilo.
UVos uthe uyamthanda lowasetyhini kwaye ukulungele ukufa naye. Akasebenzi kodwa ukhangela umsebenzi wokupeyinta esebenzisa ispreyi.
Ezizithandani ziceba ukutshata ngokusesikweni kwisebe lemicimbi yezekhaya ngenyanga yoMdumba. Bacela amalizo ukuze bakwazi ukuba nomsitho wokubhiyozela umtshato wabo.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: NguMable Mhlanga noTiaan Vos
Imvelaphi yomfanekiso: Daily Sun