Itshone kwindlu yangasese yabhubha inkwenkwana eneminyaka emine 

Ngu Lungani Zungu

Lufumene isiqalo esibi sonyaka usapho lwakaMakhoba emva kokuba umntwana wabo oneminyaka emine uAmukelani etshone kumngxuma wendlu yangasese wasweleka ngoLwesibini. 

Esisiganeko senzeke kwindawo yaseManguzi, kumantla ephondo laKwaZulu Natal, sishiye uninzi lwabantu luxhwalekile. 

Ebalisa ngosuku lwesiganeko, uMakazi kaAmukelani uSithobile uthe abantwana babezidlalela eyadini ngethuba kusenzeka esi sehlo. 

Kwimizuzwana embalwa, kwafika umzala kaAmukelani oneminyaka emithandathu uThabo, ekhefuzela ephelelwa ngumoya waxelela usapho ukuba uAmukelani utshone kwindlu yangasese. 

“Sonke sabaleka sayakufika kulendlu yangasese, ekumgama wemizuzu embalwa kunekhaya. Sazama ukumhlangula kodwa sangakwazi, kwafika nabahlali beze kusincedisa,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

Uthe abazala bakaAmukelani bamxelela ukuba, wayengaphakathi ezinceda kulendlu yangasese ngethuba abazala babengaphandle bedlala, waze wawa watshona ngaphakathi. 

Esisiganeko sothusayo, sishiye usapho luxhwalekile. 

“Sonke sidandathekile kwaye sikhathazekile. Okubi nangakumbi kukuba asazi ukuba sizakumngcwaba ngantoni umntwana wethu kuba umama wakhe akasebenzi. Imeko inzima kakhulu apha ekhaya,” utshilo umakazi. 

Uthe le akuyondlela ebelindele ukuba uqale ngayo unyaka, njengoko bebenethemba lonyaka owambethe amathamsanqa kusapho lwabo. 

Esisiganeko sivuse umnyele kubahlali, abatyhola umasipala wasekuhlaleni uMkhanyakude, iManguzi ephantsi kwawo – ngokwehluleka ukunikezela ngeenkonzo zezindlu zangasese kumakhaya ahlelelekileyo. 

Inkokheli yasekuhlaleni uMdumiseni Mkhombo uthe, sele kuphele iminyaka abahlali belindele ukwakhelwa izindlu zangasese ngumasipala. 

“Kodwa akukho nto yenzekayo, kwaye ngoku seside salahlekelwa ngumphefumlo wenkwenkwe engena tyala.Urhulumente udla ngokusilumnkisa ngobungozi bezizindlu zangasese.” Utshilo. 

Umasipala khange afumaneke ukuphawula kwezizityholo. 

Amapolisa asekuhlaleni asiqinisekisile esisiganeko, kwaye kuvulwe uxwebhu lophando. 

Umfanekiso ongasentla: Indlu yangasese apho kutshone uAmukelani wasweleka 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe