Ingaba uFikile uzakuwulungisa ngenene umbutho weANC? 

Ngu Zukile Majova

Umhlekazi uRazzmatazz akayomali akuzothandwa nguye wonke ubani.

Uninzi lwalumbona njengesohluleki ngenxa yomsebenzi wakhe njengoMphathiswa wesebe lezothutho kunye nosekela mphathiswa wenkonzo yesipolisa. 

Kuphele iminyaka emithathu esenza into engabonakaliyo ngelixa abaqhubi beeloli beqweqwedisa bambi betshisa iiloli ezithwala imithwalo eyohlukeneyo kuhola wendlela uN1 kunye noN3, benyanzelisa ukuba kugxothwe abaqhubi bamazwe angaphandle. 

Iziseko zemizila kaloliwe zitshabalele ejongile, kwikhasi lezonxibelelwano uTwitter utshintshe wayintlekisa eyaziwa ngelika “Mr Fix it”. 

Noxa kunjalo imibutho ephikisayo imthatha kancinci ngokuthanda kwayo. 

Ekugqibeleni, uNobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula ufumene owona msebenzi wazalelwa wona. 

Uyingcali xakuthethwa ngokuququzelela ukulungelelanisa umbutho weANC. 

Ukukhula kuka Mbalula kuyawusebenzela umbutho olawulayo. UMbulula ungusomaqhuzu ophume iizandla kwezo kwandisa amalungu alombutho kuquka nokuqinisekisa ukuba izinto zenzeka ngendlela eyimpumelelo. 

Kwiminyaka edlulileyo, umbutho weANC uphulukene neevoti amaxesha amaninzi kuba amalungu kumasebe, nengingqi akaphumi ukuya kugayela lombutho iivoti. 

Ungquzulwano olubangele iyantlukwano kulubulele ubumbano kulombutho kwaye lubangele ukuba umbutho weANC uphulukane neevoti ngexesha lolonyulo lovalo zikhewu. 

UMbalula uqinisekile ngokutshintsha indlela yokwenza izinto. 

Ifuthe lakhe lokukwazi ukungena kumaqela ahlukeneyo ombutho weANC, kufanele lingayilalisi buhlayo imibutho ephikisayo. 

Emva kokonyulwa kwakhe, uyitshaye isaqhuma watyelela amalungu ombutho weANC kwingingqi iMzala Nxumalo kumantla ephondo laKwaZulu Natal emva kokuba amalungu alombutho asutywa kukufa kwingozi yendlela bevela kwinkomfa yeANC yamashumi amahlanu anesihlanu eyayibanjelwe eNasrec.

Ukwenze oku ngexesha kanye lengingqi yabonakalisa esidlangalaleni ukuba ayihambisani naye kunye neqela elikhokhelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa. 

Njengoko inguye obambe iintambo kumbindi weLuthuli House, umbutho weANC uzakukhuphisana neminye imibutho kuzo zonke iwadi kuquka nolonyulo lovalozikhewu.

Kulutsha lweli udume ngelika Mbaweezy, kulindeleke ukuba alwisane nombutho iEFF ukufumana uthando kwintliziyo nengqondo zolutsha oluvotayo kubantwana bomgquba. 

Njengoyena mkhuseli uthembekileyo kaRamaphosa, uMbalula ulindeleke ukuba alwisane ngqo nabangcatshi bakamongameli abaphum,ele etshatshalazeni ngokuba bafuna esusiwe kwiofisi yakhe. 

UMbalula sele ewufundile umqulu wesigqeba esilawula ukuziphatha kwamalungu nokungcatsha umbutho ngenjongo yokuwubhukuqa, efundela amalungu epalament yombutho weANC awathi atyeshela umyalelo ngethu levoti yasepalamente. 

“Ukuba ufuna ukunesa isazela sakho, vula umbutho wakho wezopolitiko, hayi apha. Apha silawulwa ngokwenkululeko kwaye ulawulo kufuneka luhlonitshwe. Noba uyathanda okanye awuthandi uzakulawulwa uhloniphe,” utshilo uMbalukla emva kwenkomfa yombutho weANC ngenyanga yoMnga.

UMbalula wabalulutho ekuqinisekiseni ukuba uThabo Mbeki ufumana ityeli lesibini kulawulo lwakhe, waphinda wadlala indima ephambili ekukhuleni kwamandla kaJacob Zuma, ukanti kutsha nje uncede uRamaphosa ukuba afumane ityeli lesibini kwiofisi kamongameli nangona esajamelene nesigigaba sokwebiwa kwemali kwifama yakhe iPhala Phala. 

Umfanekiso ongasentla: Ngumongameli uCyril Ramaphosa ekeingxoxo no Fikile Malula

Imvelaphi yomfanekiso: @ Marvel Hlungwani