
Ngu Micheal Madyira
Iqela leKaizer Chiefs lizakwenza unako nako ukuqinisekisa ukuba alenzeki ihlazo lokubethwa liqela iSekhukhune United kumdlalo wangoMgqibelo, ngelixa eliqela lizakube libhiyozela iminyaka engamashumi amahlanu anesithathu lasekwayo.
Eliqela lasekwa ngomhla wesixhenxe kwinyanga yoMqungu ngonyaka ka1970, kwaye ukungqamana komdlalo wangomgqibelo ozakudlalelwa kwibala lezemidlalo iFNB Stadium, nolu suku kunyanzelisa ukuba baphumelele.
Kodwa kwisizini zakutsha nje, iqela laMakhosi lithande ukuba yintlekisa ngokudlala ngendlela engonwabisiyo ingakumbi ngemini ezinkulu.
Kwisizini yonyaka ka2019/20, eliqela labhiyozela ukuhlala kwindawo yokuqala kwindebe yePremier Soccer League elona xesha lide lesizini, nalapho laphulukana Naledi’s ndawo ngomzuzu wokugqibela kumdlalo wokugqibela walendebe.
Ezingadla ngadla zaseSoweto zanikezela ngomzuzu wokugqibela zavumela iqela leSundowns ukuba lithathe indebe yePSL kwimizuzu nje embalwa kulindeleke ukuba bathathe indebe yeentshatsheli.
Oku kwaphazamisa imibhiyozo yabo yokugqiba iminyaka, kodwa kwelityeli bazimisele ukuqinisekisa ukuba badlala ngempumelelo. Umqeqeshi weliqela uArthur Zwane ubethelela into yokuba kufuneka bewuphumelele umdlalo wangoMgqibelo, banike umseki weliqela uKaizer Motaung isipho esibalulekileyo.
“Lo ngumdlalo omnye ozakuthetha lukhulu kum, abadlali, usihlalo weqela, abalandeli nakwabanye abantu. Yilonto kubalulekile ukuba sinike usihlalo esisipho kunye nookhokhobethu isipho samanqaku amathathu,” utshilo uZwane kwinkomfa noonondaba ngaphambi komdlalo.
Kodwa ebutsheni balesizini. Kusuku ngaphambi kosuku lokuzalwa kukaMotaung egqiba iminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeDwarha, babethwa ngamanqaku amabini kwelinye liqela iChippa United, ngaphambi kokuba badlale ngokulinganayo neqela iTS Galaxy kwintsuku ezine emva koku.
Ngoku bazakuqubisana neqela iSekhukhune United elikhangeleka lisemfuthweni nangakumbi, elibethe iqela iMarumo Gallants ngolwesibini lisophula isihelegu semidlalo emine lingakhange lifake nqaku kwaphela.
Umdlali weChiefs uKeagan Dolly uyayazi ukuba yintoni esengciphekweni kumdlalo wabo wangoMgqibelo.
“Lusuku lokuzalwa kweliqela kwaye lusuku olukhulu kuthi; hayi kubadlali kuphela nabanye abasebenzi kodwa lukhulu nakubaxhasi bethu,” utshilo uDolly kwinkomfa nonondaba.
“Ahamba kakuhle amalungiselelo omdlalo, kwaye sizakuzama kangangoko ukuphumelela sidlalela ekhaya, Ngokwethu besingafuni kunika nelinye iqela umtyhi wethemba sidlalela kwibala iFNB. Sifuna ukuphumelela, yinjongo yethu leyo kulempelaveki.
Umdalali wangasemva kwiqela laMakhosi uZitha Kwinika naye uthe uyakuqonda ukubaluleka komdlalo wabo neSekhukhune.
“Siyawazi ukuba lomdlalo uthetha ntoni, kwaye ukuwuphumelela kuzakuthetha lukhulu.
“Awubalulekanga kuthi badlali kuphela, kodwa nabalandeli abazakube bebukele kumabala ezemidlalo eFNB, abazakonwabela olusuku lokuzalwa nathi ngenye imini.”
Sele bephumelele imidlalo emibini yokugqibela ebeyidlala, iqela leChiefs likwazile ukuvuselela umfutho abangathanda ukuba bawugcine.
Umfanekiso ongasentla: Abadlali beKaizer Chiefs bengena ebaleni
Imvelaphi yomfanekiso: Kaizer Chiefs