Umlinganiswa wombiniso iWoman King uLethabo uyaziqhenya ngebala lakhe elimnyama

Ngu Doreen Mokgolo

Ekugqibeleni uyaziqhenya ngobumnyama bakhe unobuhle okwa ngumlinganiswa odume kwihlabathi jikelele uLethabo Sarah Khunou, emva kwamatyeli aliqela exelelwa ukuba mbi, umnyama kakhulu kwaye mde kakhulu. 

Kungoku nje uxhaphakile kumaqonga adume kwihlabathi liphela afana neVogue kunye neBellagio, kwaye kamva ubevele kumboniso bhanyabhanya odumileyo othi The Woman King edlala indawo kaAmenza esemncinci, nalapho ebedlala kwiqonga elinye nomlinganiswa odumileyo waseMelika uViola Davis. 

Eligqiyazana lineminyaka engamshumi amabini anesixhenxe lisuka kwindawo yaseStinkwater, eHammanskraal likhule kuhlekiswa ngendlela elimile ngayo ngoogxa balo ebelikhula nabo. Oku kwenzeka kwade kwafikelela ekubeni azame ukuthatha ubomi bakhe izihlandlo ezithathu ngethuba esafunda kwisikolo samabanga aphantsi. 

UKhunou uthe wayedla ngokoyika ukuya esikolweni ngenxa yobundlobongela wayejamelene nabo. 

“Ndandibizwa ngendlulamthi, ubumnyama bam bufaniswa nongaqo wetha, umzimba wam omncinci ufaniswa noswazi, nabantwana abangondlekanga, abakhangeleka begula baseEthiopia, ekwakusoloko kuthethwa ngabo, imifanekiso yabo ithe ndii kumajelo endaba.” 

“Wonke umntu wayenento yokuthetha ngam. Umama womhlobo wam wake wandicebisa ukuba ndixube amafutha okuphekha kunye nencindi yokuthambisa umzimba ukuze ulusu lwam lukhanye, ngelixa omnye wandixelela ukuba mandisoloko ndinxibe umnqwazi ositha ilanga lingezi ebusweni bam,” ixelele iqonga lendanba iScrolla.Africa. 

Impumelelo kaKhunou kwicandelo lezolonwabo yaqala ngethuba enikwa isitshaba seSunbabe sonyaka ka2015, kukhuphiswano lonobuhle olwalubanjwe liphephandaba lasekuhlaleni. 

Ukwathe impumelelo yakhe yafika nokugxekwa nokunikwa amacebiso okuba aphucule imbonakalo yakhe. 

Xa eyekwindibano zokukhangela abalinganiswa, wayexelelwa ukuba mbi kakhulu, umnyama kakhulu okanye ubhitye kakhulu, kwaye ekhuthazwa ukuba ajime ukuze akhule izihlunu. Wake waxelelwa nokuba makadaye ulusu lwakhe ukuze lutshintshe lukhanye.

UKhunou wongeze ngelithi wathatha isigqibo sokuba uzakuyithanda inkangeleko yakhe, ingakumbi emva kokubona onobuhle belizwe iAfrika abafana noAlek Wek bezidla ngebala labo. 

“Kungoku nje ndiyazidla ngobumnyama bam kwaye ndisebenza ukukhuthaza abantu abatsha ukuba bazamkele, bazithande ngendlela abayiyo. Akukho mntu unelungelo lokukuxelela ukuba mawuzive njani ngendlela owakhiwe ngayo,” wongeze wenjenje. 

Umfanekiso ongasentla: NguLethabo Sarah Khunou 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe