
Ngu Karabo Rammutla
Kwinyanga ephelileyo uPhinderia Botshelo Phora ubebhiyozela ikamva eliqaqambileyo asezakulingcamla njengoko ubethweswa isidanga sobupolisa nabanye ogxa bakhe abangamawaka kwintshona yasePitoli.
Lo wasetyhini uneminyaka engamashumi amathathu ananye ebesebenza kwisikhululo samapolisa iDennilton, kwaye ekulungele ukuqinisekisa ukhuseleko kwilizwe loMzantsi Afrika emva koku thwala isidanga sakhe sobupolisa.
Kodwa ubomi bakhe bunqunyelwe ngesaquphe njengoko ebulewe ngokungena lusini ngosuku lwenyibidyala, kurhanelwa umyeni wakhe obesoloko emtyhola ngokuthandana nenye indoda.
Umyeni, osebenza njengonogada wentolongo, ubevele kwinkundla kamantyi eMamelodi ngolwesine ejamelene netyala lokubulala.
Kufunyenwe umzimba kaPhora sele ubanda kwindlu engasemva kumzi ebebe renta kuwo ePhase 5 kwimpuma yaseMamelodi eTshwane ngomhla wesibini kwinyanga yomqungu.
Kurhanelwa ukuba wakhanywa ngentambo yombane wade wabe uyasweleka kusuku olandulela ukufunyanwa ko mzimba wakhe.
Umakhelwane ocele ukuba igama lakhe lingadizwa uthe, umzimba wakhe wafunyanwa ngamalungu osapho, ngelixa umyeni wakhe wayelahlekile.
Lo makhelwane uthe, umyeni wafunyanwa kamva elaliswe esibhedlele apho wavuma khona ukuba ubezama ukuzibulala ngokuzityisa ityhefu.
“Umyeni ebesoloko emtyhola ngokuthandana nenye indoda oko wathi wafumana umsebenzi wobupolisa. Wake wasitsalela umnxeba efuna sizame ukwenza uxolo phakathi kwabo kuba babesoloko besilwa,” utshilo.
Emva kokuba umrhanelwa evele okwethutyana kwinkundla kamantyi eMamelodi, ityala lirhoxiselwe umhla weshumi elinanye kulenyanga yoMqungu ukuze umrhanelwa akwazi ukufumana igqwetha elizakuyimela njengoko lirhoxise iinkonzo zalo igqwetha lombuso.
Umfanekiso ongasentla: UPhinderia Phora ufunyaniswe ekhanywe wasweleka, isenzo ekutyholwa ukuba senziwe ngumyeni wakhe.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe