
Ife namthanyane indawo yolonwabo ekhethekileyo iSaint Lounge night club eKapa, njengoko kule nyibidyala ibibekele bucala imicimbi yolonwabo eliqela ebizaku khokelwa yimvumi edumileyo eyinzalelwane yaseSenegal uAkon, amatikiti okubona le mvumi ebehamba ayokutsho kwisigidi seeRandi.
Noxa kunjalo, le mvumi iphelele emoyeni njengoko ingakhange ifike.
UAkon, ongumonwabisi woluntu eMelika, wabhatalelwa ukuba azokonwabisa uluntu ngezona ntsuku zixakekileyo enyakeni, ukusukela ngomhla wesithathu ukuya kumhla wesihlanu kwinyanga yoMqungu.
ISaint Lounge ityhola ngelithi uAkon usophule isivumelwano sabo kwakufika ityeli lokuba enze ababevumelene ngako.
Lendawo yolonwabo ikhuphe imbalelwano ngoLwesithathu, kubusuku besibini ebekulindeleke ukuba uAkon athathe iqonga, iqinisekisa ukuba lemvumi ayizi kubakho kwaphela ukwenza umsebenzi ebekuvunyelwene ngawo.
Ixabiso lokubona lemvumi okwangumonwabisi woluntu libamangalisile abantu kumakhasi ezonxibelelwano, njengoko ixabiso lokungena kulendawo lidla ngokuba phakathi kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu eeRandi ukuya kwiwaka leeRandi, kodwa kwelityeli bebengakholwa abathandi bolonwabo ngalamaxabiso amatsha.
Ngokokutsho kweSaint Lounge, amaxabiso etafile aqala kumawaka amahlanu eeRandi anyuke aye kutsho kwisigidi seeRandi.
Le ndawo yolonwabo ipapashe imbalelwano kumakhasi ayo ezonxibelelwano isithi ibinethemba lokuba izakusihlonipha isivumelwano sabo lemvumi yafumana indumasi ngengoma ethi“Lonely”.
“Sakrwecwa ngonozakuzaku abamele uAkon besinika ithuba lokuba simcele azekonwabisa. Emva kwentlanganiso ezimbalwa, savumelana ngesixa mali ekufuneka sibhatelwe. Emva koko sayibhatala yonke iphelele imali esavumelana ngayo, kwangexesha elililo,” ibhale yenjenje iSaint Lounge kumakhasi ezonxibelelwano.
Emva koko iSaint Lounge ibhengeze ukuba imicimbi eshiyekileyo ebizakukhokelwa yilemvumi ibhangisiwe.
“Nina, bathengi bethu abanyanisekileyo, nifanelwe zizinto ezingcono, kwaye sithanda ukuxolisa ngako konke ukuphazamiseko okubekhona,” batshilo kwimbalelwano.
Ukungafiki kwemvumi uAkon kushiye abantu abaninzi bezibuza ukuba bazakuyibuyiselwa kusini na imali yabo, njengoko lendawo yolonwabo isohluleka kukuqinisekisa ukuba izakuyibhatala kusini na imali.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: NguAkon
Imvelaphi yomfanekiso: The Cold Wire