
Ngu Lungani Zungu
Zivuke zema ngeenyawo iingcinga zeziganeko zempuphuma zenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo kumaxhoba awasindayo asahlala kumakhaya abantu abangenandawo, njengoko zigaleleka izandyondyo zemvula kwindawo ezohlukeneyo kwiphondo laKwaZulu Natal.
Amaxhoba eempuphuma zonyaka ophelileyo angamashumi amahlanu oyikela ubomi bawo. La maxhoba sele ehleli isithuba esingaphezu kweenyanga ezisibhozo kwikhaya lokhuseleko eNdwedwe kumantla edolophu yaseThekwini.
Oku kuza emva kokuba izanuse zemozulu zoMzantsi Afrika ziqikelela ukuba imvula enayo kwelaphondo ingafikelela kwizinga elinobungozi kwisigaba sethoba, elizinga lokuna kwemvula lilo elabangunobangela weempuphuma zangenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, ezashiya abantu abangaphezu kwamakhulu amane beswelekile kwaye abanye bengenamakhaya.
“Ndinoloyiko lokuba izinto zingabambi nangakumbi kweli ityeli. Uninzi alunokwazi ukusinda kuba urhulumente wethu wohlulekile ukufezekisa izithembiso zokusihlalisa kwimizi efanelekileyo,” utshilo uSbu Cele ohlala ententeni eNdwedwe.
Lo kaCele wasinda kwiimpuphuma zonyaka ophelileyo kodwa walahlekelwa zizo zonke izinto zakhe kwaye ukuvuselela ubomi bakhe kwakhona ngumnqantsa kuba akasebenzi.
“Ukuba bendisebenza ngekukudala ndahambayo kulendawo. Impilo zethu zisemngciphekweni apha.”
Ngentseni yangolwesine, imvula ibisele iqalile ukunwenwela kwiindawo ezinzi kweliphondo laseKZN.
Iqela elijongene nentlekele lingxangile, lilindele ukusabela kwimeko ezidinga uncedo olukhawulezayo.
“Kukhona isilumkiso semvula ena ngamandla, enokubangela umonakalo ngokwesigaba sethoba. Indawo ezinokuchaphazeleki liTheku, imimandla ethile eMgungundlovu, iindawo ezithile eMkhanyakude, eRichards Bay kunye naseMandeni,” itshilo inkonzo yezanuse zezulu.
Ebechaza intsingiselo yesigaba sethoba semvula eyonakalisayo, eliqumrhu lithi kulindeleke ukugcwala amanzi enzindleleni, amanzi angena ezindlini ngenxa yeempuphuma, ubomi obusemngciphekweni, umanakalo kwizakhiwo, ukuwa kwamatye kunye nokukhukhuliseka komhlaba. Iinkonzo zezothutho ezohlukeneyo zingaphazamiseka.
Ukanti ezinye iindawo ezinokuchaphazeleka ziquka Umhlabuyalingana, iHluhluwe, iMtubatuba, Umlazi, Kwadukuza kunye naseNdwedwe.
Urhulumente ukhuphe iingcebiso ezizakunceda ubani ahlale ekhuselekile eziquka ezi:
– Ungaweli iindlela nebhulorho ezigcweleyo ngenxa yempuphuma, sebenzisa ezinye iindlela.
– Hambela kude nokuwela ibhulorho ezikwindawo ezisezantsi, okanye imilambo nemithombo.
– Ungaboze uzame ukuhamba okanye udade kumanzi ahamba ngesantya esiphezulu.
– Abaqhubi mabaqaphele kakhulu, bangaqhubi kwindlela ezibonakala zinamanzi ezikhukhula.
– Qhuba kwaye upake imoto yakho kwindawo ezikhuselekileyo.
– Qaphela nangakumbi ebusuku, kuba kunzima ukubona iindawo ezinokuba nobungozi.
– Ze ningapaki I imoto zenu kufutshane nemilambo, okanye indawo enezikhukhula, ingakumbi ngethuba lezandyondyo zemvula
Umfanekiso ongasentla: Amaxhoba empuphuma zangenyanga kaTshazimpuzi ehleli kwikhaya lokhuseleko eNdwedwe, kumantla eTheku
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Lungani Zungu