Uthi kusekutsha ukuba babizwe iintshatsheli umphathi weqela leSundowns 

Ngu Micheal Madyira

Umqeqeshi weqela iMamelodi Sundowns uRhulani Mokoena akavumanga ukuthatha iqela lakhe njenge sele liphumelele indebe yePremier Soccer League (PSL).

Iqela libizwa ngeeBrazilians ngabathandi balo libambe indawo yokuqala ngamanqaku asixhenxe, eli qela lizidla ngokuphumelela imidlalo yeleague amatyeli asibhozo ngokulandelelana. 

Emva koloyiso lweliqela lakutsha nje ngoLwesibini, emva kokubetha iqela iSwallows FC ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova, umqeqeshi weqela leBirds uErnst Middendorp uvakale esithi iqela leSundowns sele ligqibile ngeleague. 

Kodwa uMokoena izichithile izimvo zikaMiddendorp, esithi kusekutsha kakhulu ukuba kuthethwe ngentshatsheli, kuba akukho ndebe iphunyelelwa ngenyanga yoMqungu. 

“Ndimhlonipha kakhulu umqeqeshi uErnst kunye nezimvo zakhe, kodwa kusekutsha kakhulu ukuba singathi iLeague iyasongwa kuba inde indlela ekulindeleke ihanjwe,” utshilo uMkoena emva kwalomdlalo. 

“Akukho ndebe yakhe yaphunyelelwa ngenyanga yoMqungu, mininzi kakhulu imidlalo esezakudlalwa. Kodwa le yimpumelelo ebibaluleke kakhulu sidlala neqela elinzima [iSwallows]. 

“Besiyilindele, besithethile ngayo kwaye besitshilo sathi lomdlalo uzakuba nzima, kwaye ubenzma kanobom. Kodwa le yimidlalo eyenza uphumelele indebe yentshatsheli.” 

Eyona nto inokuba iphembelele intetho kaMiddendorp yindlela elongamele ngayo iqela leSundowns, nendlela efanayo nemidlalo eyabangela ukuba baphumelele iindebe zeleague amatyeli amahlanu. 

Ngaphandle nje kokonganyelwa kukulimala kwabadlali, nasemva kwekhefu yendebe yehlabathi ebiqhuba kunyaka ka2022, aMasandawana abonakalisa ukuzimisela kwimidlalo yawo. 

UMokwena uthe kulindeleke ukuba bajonge indawo abazakudinga abadlali kuzo njengoko kuzakuvulwa ikhefu lokuthenga nokuthengisa abadlali ngalenyanga yoMqungu, nangona enike umtyhi wokuba bajonge ukongeza iqela leemfolosi zabo. 

Ngabadlali abafana no Peter Shalulile, uAbuberker Nasir, uThabiso Kutumela kunye noLebohang Maboe abavule izikhewu kweliqela ngenxa yokonzakala.  

“Ngalo lonke ixesha sijonga iindlela zokuphucula iqela lethu. Sibenethamsanqa lokukhulisa abadlali bakwazi ukudlala indawo ezohlukeneyo,” utshilo uMokoena. 

“Ngokuqinisekileyo sizakujonga kwindawo ezohlukeneyo kweliqela ngenjongo zokuphucula, kwaye ukuba icala leemfolisi lidinga ingqwalasela sizakwenza njalo.” 

“Kwakhona ixesha lokuthenga abadlali ngenyanga yoMqungu lixesha elinzima kuba akukho xesha laneleyo lokuba abadlali bazane, kodwa kungenzeka ibekhona into engcono ezakuvela, sizakulinda sibone ngoko.’

Kungokunje, iqela leSundowns lijonge ukubhulela amasaka iqela leRichards Bay ngolwesihlanu, njengoko lijonge ukuqgibezela imidlalo yalo eluthoba bengakhange babethwe. 

Umfanekiso ongasentla: ngu Rhulani Mokwena

Imvelaphi yomfnekiso: Mamelodi Sundowns FC