Ungquzulwano malunga negama lombutho omtsha wezopolitiko iAANC

style=”font-size: 12px; color: red”>Ngu Lungani Zungu

Umbutho weANC uyavutha ngumsindo emva kokuba umbutho omtsha osekwe ngowayesakuba lilungu leANC ufake isicelo sokubhalisa igama lawo iAANC kuluhlu lwemibutho ezakuthatha inxaxheba kunyulo luka wonke wonke kunyaka ozayo. 

Abanye bathi nkqu neempawu zombutho kaAlex Mzwane iAll African National Congress (AANC) zifana ngokucacileyo nezombutho weANC. 

Isithethi sombutho weANC kuzwelonke uPule Mabe, uphose mazwi arhabaxa kuMzwame oyinzalelwane yaseBloemfontein, apho umbutho weANC uzakube ubambele khona imibhiyozo yeminyaka elikhulu neshumi elinaye wasekwayo lombutho kulempelaveki.  

“Eli liyelenqe eliphekelwe ukuphazamisa abavoti bethu kunye namalungu ethu xa kuvotwa kunyaka ozayo. Kodwa nokuba ngubani ongungqondongqondo kulo akanophumelela,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Khange acacise ukuba lombutho uzakufaka isikhalazo ngokusesikweni kusini na kwiqumrhu lezonyulo elizimeleyo i-IEC.

UMzwane uzikhabile ezizityholo ngelithi: “Amalungu amaninzi asele ashiyayo kumbutho weANC avakalise umnqweno wokuba azimanye nalombutho xa ungenela unyulo kunyaka ozayo. Akukho mntu ube imibala yombutho weANC. Lemibala isimahla ngako ke nabani na ofuna ukuyisebenzisa uvumelekile.” 

Ukanti umbutho weANC uqhekeke ngokumandla kwiphondo laseFree State – ngokufanayo namanye amaphondo – nto leyo ibangela ukuba amalungu awo aqhekekayo abeyinxalenye yemibutho ephikisayo, okanye aziqalele imibutho yawo. 

Le ayonto ingaqhelekanga kumbutho weANC njengoko ingelotyeli lokuqala ukuba ubekwimbambano yegama kunye nomnye umbutho wezopolitiko. 

Kunyaka ka2005, amalungu alombutho ayemanxadanxada ngenxa yokusekwa kombutho iAfrican Independent Congress (AIC) eyaphehlelelwa ngowasekuba lilungu elingadumanga lo mbutho weANC, uMandla Galo. 

Umbutho weANC watyhola uGalo ngokufumana iivoti ngobuqhetseba, ubanga ngelithi iAIC isebenzise imibala afanayo neye ANC – uMnyama, uLuhlaza kunye noTyheli – kuphawu lawo kuze uphazamise abavoti, ingakumbi abo bangaqondiyo kunye nabantu abadala. 

Kungoku nje, umbutho weAIC unezohlalo ezibini kwindlu yowiso mthetho yeli. 

Kutsha nje, ngonyaka ka2020, umbutho ka Herman Mashaba iActionSA wasiwa kwiinkundla zamatyala ngomnye umbutho wezopolitiko, iParty for Action, ibanga ngelithi lo mbutho ube uphawu lawo. 

Noxa kunjalo, wakwazi uMashaba ukubhalisa umbutho wakhe, kwaye wangenela kunyulo loorhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021. 

Kulindeleke ukuba iqumrhu elizimeleyo lonyulo liqale liphothule yonke imigaqo yokubhalisa imibutho yezopolitiko, ngaphambi kokuba umbutho weAANC uvele kuluhlu lwamaqela ezopolitiko azakuvotelwa. 

Ukanti iinkokheli zalombutho zinethemba lokuba lombutho uzakuvela kuluhlu lwamaqela azakuvotelwa, usebenzise imibala yawo kunye nophawu lingatshintshanga.

Isithethi seIEC besingeka fumaneki ukuze siphefumle ngalo mba ngethuba iqonga leendaba iScrolla.Africa likhupha lengxelo. 

Umfanekiso ongasentla: Khangela umahluko! Ilogo eyaziwayo yombutho weANC kufuphi ne logo yombutho iAANC

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe