ULehlohonolo wenza imisebenzi yobugcisa ngamatye

Ngu Tladi Moloi

ULehlohonolo Mokoena wabonakalisa isakhono sakhe ke zobugcisa esafunda, eyinkwenkwana eyayisenza ibanga lesibini. 

Sithetha nje uneminyaka elishumi elinethoba, usebenzisa isakhono sakhe ajike amatye awenze imifanekiso yabantu emihle. 

Wakhulela kwilali yaseMoeding eQwaqwa kwiphondo laseFree State, uthando lobugcisa lwamenza ukuba atyelele kwihlathi elikufutshane pho waqalisa khona ukuwenza imifanekiso yakhe. 

Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba, angatshintsha iintaba zibe nobuhle obungakholelekiyo, kodwa ngenxa yokunqongophala kwezixhobo nenkxaso, umsebenzi wakhe awukwazi kuhambela phambili. 

“Umsebenzi wobugcisa uyabiza kakhulu. Ndidinga izixhobo ezininzi ezinokundinceda zenze umsebenzi wam ube lula. Ndisebenzisa ipenilotha, ipeni, amalahle kunye nezinye izinto ezifumaneka kula ukwenzi imisebenzi yam yobugcisa emininzi. Kumsebenzi wobugcisa wamatye ndisebenzisa isikrudrayiva esimbaca, ihamile nezinye izixhobo,” utshilo. 

UMokoena, waphumelela ibanga leshumi kwiminyaka emibini eyadlulayo kwisikolo samabanga aphakamileyo iPhofung Secondary, uthi ukholelwa ukuba ukuzoba sisakhono awazalwa naso.

“Ndiyawuthanda umsebenzi wobugcisa kwaye uThixo undisikelele ngento enqabileyo. Imisebenzi yam yobugcisa ibalulekile kwaye inqabile,” utshilo. 

Lo kaMokoena uthi eyona nto imkhathazayo kukuba amanye amatye kunzima ukusebenza ngawo kuba aqinile, kwaye oku kunokumenza aphelelwe ngumdla wokuba aqhubeke nokusebenza ngamatye. 

Noxa kunjalo, unethemba lokuba ngenye imini ikhona into ezakuvela imenze aqaqambe. 

“Ndizakuqhuba ndisebenza. Ngenye imini uThixo uzakuthumela umSamariya olungileyo ozakundinceda ndifikelele kwindawo ongcono. Ndidinga ukuba umsebenzi wam uboniswe kwiivenkile zobugcisa kwihlabathi liphela. Kwaye ndingathanda ukufundisa abanye abantu ukuzoba abanothando lobugcisa ukuze ndinikezele ngesakhono,” utshilo.  

Umfanekiso ongasentla: NguLehlohonolo Mokoena kunye nomsebenzi wakhe wobugcisa

Imvelaphi yomfanekiso: NguTladi Moloi