‘Ndigqibile ngabantwana!’ufunge watsho utata wabantwana abalikhulu elinesibini 

Indoda yaseUganda enabantwana abalikhulu elinambini kwisithembu, ifunge ngelithi soze iphinde ibenabantwana ngenxa yokunyuka kwezinga lokuphila. 

UMusa Hasahya ongumlimi uneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe, ngutata wabantwana abalikhulu elinesibini abafumene kubafazi bakhe abalishumi elinesibini. Ukwanabazukulwana abangamakhulu amahlanu anamashumi amathandathu anesibhozo.  

UHasahya ugqibe kwelokuba ayeke ukubanabantwana abazokongeza usapho lwakhe, kuba uyohluleka kukondla umkhosi wosapho lwakhe ngokupheleleyo, kwaye ucele amakhosikazi akhe ukuba asebenzise amachiza [ipilisi] zokucwangcisa. 

“Umvuzo wam uye uncipha ngokunciphi kwimimyaka edlulileyo ngenxa yokonyuka kwezinga lokuphila, ngelixa usapho lwam lusiya lukhula,” uxelele iphephandaba iThe Sun. 

UHasahya uthe watshata inkosikazi emva kwenye njengoko indoda esithi indoda ayinakuphila nenkosikazi enye. 

Wongeze ngelithi uhlala nabo bonke kumzi omnye. 

“Oku kwenza kubelula kum ukuba ndibagade bangathandani namanye amadoda elali,” utshilo.  

Inkosikazi yakhe encinci nguZukaika, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, osele emzalele abantwana abalishumi elinanye. 

Naye wenze isifundo sokuba akazuba nabio abantwana ngaphezu kwaba sele enabo. 

“Ndiyibonile imeko engekho ntle ngokwezimali, kwaye ngoku nsisebenzisa ipilisi zokucwangcwisa,” utshilo. 

Umntwana kaHasahya omncinci uneminyaka emithandathu, ngelixa omdala eneminyaka engamshumi amahlanu ananye, ushiya eyona nkosikazi ka tata wakhe incinci ngeminyaka engamashumi amanini yonke. 

UHasahya akasakwazi ukusebenza ngenxa yempilo engentlanga, kwaye amakhosikazi akhe amabini sele emshiyile ngenxa yokushokoxeka kwezimali. 

UHasahya watshata nonkosikazi wakhe wokuqala uHanifa ngonyaka ka1971, eneminyaka elishumi elinesithandathu. Waye wayeka phakathi esikolweni, kwathi kwiminyaka emibini emva koko wafumana umntwana wakhe wokuqala oyintombazana, itsho ingxelo yephephandaba iTheMirror. 

Ngoku ubhenela kurhulumente ucela ukuncediswa kuba utsala nzima ukubhatalela imfundo yabantwana bakhe bebonke. 

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila 

Umfanekiso ongasentla: NguMusa Harashya nabantwanabakhe abalikhulu elinambini kunye namakhosikazi akhe 

Imvelaphi yomfanekiso: liqonga lendaba iIOL