Izakubonwa emaphupheni “iDisneyland” eThekwini

Ngu Celani Sikhakhane

Sele kuphele iminyaka engaphezu kweshumi ukusukela ukuba urhulumente wephondo laKwaZulu Natal wathembisa imizi yokugcina amafa, amashishini ecandelo lezotyelelo kunye namanye amashishini ngokuncedisana nawo ukutsala abatyeleli abaya kwintaba Isandlwana eNquthu, kodwa into yokuba kwakhiwe “iDisneyland” eKZN liphupha nje kuphela. 

Isandlwana sisiza sembali apho AmaZulu oyisa khona umkhosi kaQueen Victoria waseBritain mgomnyaka ka1879. 

Kodwa xa kudibana isigqeba esizakube sikhokhelwe nguKumkani uMisuzulu kaZwelithini eSandlwana ekupheleni kwalenyanga, ukukhumbula impi yonyaka ka1879, zizakube zingekho izakhiwo ezitsha ekuzakuboniswa ngazo. 

Kwisithuba esingaphezu kweminyaka elishumi eyadlulayo, urhulumente wephondo laKwaZulu Natal wathembisa ukuphucula lentaba “ayenze ifane neDisneyland”.

Esisibophelelo senziwa ngonyaka ka2009, saphinde saphindwa kwakhona ngonyaka ka2014 emva kokuba ongasekhoyo uKumkani uZwelithini kaBhekuzulu wabhengeza lentaba njengendawo engcwele yesizwe saKwaZulu. 

Kodwa kude kubengoku, esisiza asikabonakali siphuculwa ngokwezithembiso ezenziwayo – kwaye abahlali ababethenjiswe ngezithuba zemisebenzi basalindile na ngoku. 

Umtshutshisi uSimphiwe Xaba wayekhe waxelela ijelo losasazo iSABC ukuba imali elishumi lezigidi zeeRandi eyayibekelwe bucala kwingxowa mali ye Lottery Commission yasetyenziselwa ukwenza uphando lokufumanisa ukuba ingenzeka kusini na iDisneyland kulentaba. 

Isithethi sorhulumente wephondo laKwaZulu Natal uLennox Mabaso uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba zisekhona izicwangcwiso zokuphucula intaba Isandlwana kunye nezinye iziza eziqulethe imvelaphi yeli ukuze zenziwe zibenomtsalane kubatyeleli kwiphondo lonke laseKZN. 

“Kodwa ungaqhakamshelana nesebe lezobugcisa nenkcubeko lephondo, ukuze likunike inkcukacha ezithe vetshe malunga nolwakhiwo lwentaba Isandlwana,” utshilo. 

UNathi Oliphant wesebe lezobugcisa nenkcubeko khange aphendule kwimibuzo ayithunyelelweyo liqonga leendaba iScrolla.Africa. 

Intaba Isandlwana yagutyungelwa ngumkhosi wamaBritish ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoMqungu ngonyaka ka1879. Umkhosi waseBritain owawuxhobe ngemipu walwa namabutho akwaZulu awayexhobe kuphela ngemikhonto. Esisikhumbuzo sele sisetyenziswa ukumemelela ubunye kwiintlanga zelizwe iAfrika kunye nabaseBritain. 

Umfanekiso ongasentla: Intaba Isandlwana 

Imvelaphi yomfanekiso: The Past