Iphazamiseke izihlandlo ezibini ihambo ngololiwe ngenxa yokwebiwa kwemizila 

Ngu Karabo Rammutla

Ukubiwa kweentsimbi zomzila kaloliwe ngoLwesibini, kunyanzelise ukuba uloliwe iShosholoza Meyl ime esithubeni ithwele amakhulu khulu abantu. 

Lo loliwe kunyanzeleke ukuba amise isihlandlo sesibini koluhambo lunye, kwisihlandlo sokuqala ifestile yangaphambili kuloliwe ipharhazwe yintaka ebhabhe yayokubetheka kwathi saa iingceba kwindawo ehlala umqhubi. 

Ukanti kwisihlandlo sesibini kuphinde kwanyanzeleka ukuba umqhubi amise ngoko na ngoko kude kufuphi neSasolburg kwiphondo lase Free State ngenxa yokubiwa kweentsimbi, nto leyo ibeke lo loliwe emngciphekweni wokuphambuka kumzila. 

Ngenxa yoku, abakhweli abebesuka eKomani besingise eJohannesburg basale bengenanto yokuhamba. 

Omnye wabakhweli ebebekulo loliwe uNomaindia Bam uthe, uhambo lwabo belungakhuselekanga ukusuka apho bebesuka khona de bayakufika apho bebesiyakhona. 

“Besikwanti, sidiniwe kwaye sifuna ukulala kodwa sinyanzeleke ukuba sigade imithwalo yethu. Ukuba yonke lento ibiyenzeke ebusuku ngesiqweqwedisiwe koluhambo,” utshilo exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Uthe nangona ukuhamba ngololiwe kunexabiso eliphantsi, lomngcipheko bebekuwo awufanelekanga. Ukanti eli ibingelotyeli lokuqala edibana nengxaki ekumila kunje kuloliwe iShosholoza Meyl. 

“[usube unethamsanqa] ukuba ufikelele kwindawo oya kuyo ngexesha elifanelekileyo. Nangexesha ndandisiya kwiphondo leMpuma Kapa ngenyanga yoMqungu, lo loliwe wayemana esonakala endleleni. Ukuba bendinemali ngendihambela kude neShosholoza Meyl,” utshilo. 

Isithethi sakwaPrasa uAndiswa Makhanda uthe imizila kaloliwe iluxanduva lwenkampani yakwaTransnet, kwaye bonke abakhweli bafikile kwiindawo ebebesiya kuzo, kodwa khange akwazi ukutsho ukuba kuthathe ixesha elingakanani ukuba bafikelele kwezondawo. 

“Siye sabafunela iimoto ukuba zibagoduse, kuba imizila ibingekho mgangathweni wokuba luqhubeke olu hambo,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Abakwheli abashiyeke bedinga ngenxa yokonakaliswa kwemizila kaloliwe

Imvelaphi yomfanekiso: @CliffTheReporter