
Ngu Buziwe Nocuze
Indoda yasesajonisi enesakhono sokupheka inyama, ijike yabangusomashishini odumileyo kwabo batyelela elwandle.
USibusiso Mjaliswa oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo woja inyama elwandle esojela abantu abaze kuchitha imini yabo kulwandle lwase Sajonisi.
Ufika ngentseni alungise indawo yakhe yokoja, ukuze abatyeleli abangenayo indawo yokoja basebenzise le yakhe, ebabiza nje imadlana engephi.
Nangona engumhlali osele esaziwa kwingingqi yaseSajonisi, wayedla ngokwenza imali ngokugada imoto zabantu.
“Ndaqala ukuza apha ndihamba nomhlobo wosapho lwam, ndize kugada imoto yakhe ngethuba beye elwandle,” utshilo uMjaliswa exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Ukusebenza kwakhe kulendawo kwaqala emva kokuba kwathi ngamini ithile wakrwecwa ligquba labantu kwiminyaka engaphezu kweshumi eyadlulayo.
“Bandicela ukuba ndibojele inyama, kodwa ndabaxelela ukuba ndivakatshele elwandle njengabo,” utshilo.
Wathi akubuyela ekhaya, yayingapheli engqondweni yakhe ingcingane yento abamcela ukuba ayenze.
“Ndandingasebenzi, ndixhomekeke kubantakwethu. Ndagqiba kwelokuba ndiphindele elwandle ndojele abantu abavakatshele elwandle.”
Sele kuphele iminyaka engaphezu kweshumi esenza lomsebenzi. Ixabiso alibizayo lixhemekeke kubuninzi benyama eziswa ngabantu.
“Andinayo imali esisigxina endiyibizayo. Abanye badinga ukuncediswa, ngelixa abanye bezisa inyama ezintlobo ezuhlukeneyo ukuba ndibojele, ngako ke ixabiso alizufana, kodwa andibizi mali inkulu,” utshilo.
Nangona amaxabiso akhe ephantsi, ishishini lakhe lihamba kakuhle – ingakumbi ngexesha lokuphela konyaka.
“Ndiyakwazi ukwenza iwaka leeRandi ngeveki ngexesha leholide zokuphela konyaka, kuba baninzi abantu abatyelela elwandle kwaye bonqena kakhulu ukoja. Bafuna ukudada besazi ukuba inyama yabo izakube ilungile xabephuma emanzini.”
USindiswa Mavunjana oneminyaka engamashumi amahlanu, uyakuthanda ukutyelela kolu lwandle kuba uMjaliswa wenza izinto zibelula kuye.
“Ndiyayithanda inyama, kodwa andikuthandi ukoja. Wenza into ebalulekileyo ngokuqala elishishini kuba lenza izinto zibe lula kuthi,” utshilo uMavunjana.
Lo kaMavunjana uthe unethemba lokuba abantu abatsha bazakukhuthazeka yintshisakalo kaMjaliswa kwezoshishino, nabo bathathe amanyathelo ngekamva labo njengoko naye enzile.
Umfanekiso ongasentla: NguSibusiso Mjaliswa esoja inyama elwandle eSajonisi kwiphondo leMpuma Kapa
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze