UL’vovo uphefumlile malunga nokusinda kwakhe ekufeni

Ngu Linda Ximba

Usaziwayo kwezomculo wekwaito uL’vovo Derango ukholelwa ukuba isifo seStroke esibangela ukuba umntu afe icala ebesimfikele ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, sabangelwa kukungaseli ngendlela efanelekileyo amachiza akhe, ukutya okungekho sempilweni kunye nokungafumani xesha laneleyo lokuphumla. 

Le mvumi yafumana indumasi ngeculo elithi “Bayang’sukela”, egama lingu Thokozani Ndlovu, yabangela isankxwe kumakhasi ezonxibelelwano emva kokuba kwathi ndii indaba zokulaliswa kwakhe esibhedlele emva kokuba engazange akwazi ukucula agqibe kumnyhadala iNdwedwe Music Festival ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yoMnga. 

Ukanti ngaxesha nye ugxa wakhe kwezomculo, olilungu leqela iBig Nuz uMampintsha wathi walaliswa esibhedlele ngenxa yesifo esifanayo. 

Ngelishwa uMampintsha, ogama lingu Mandla Maphumulo wathi walandulela eli kwiintsuku ezimbini emva kokuba engeniswe esibhedlele. UMampintsha ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo odlulileyo. 

Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa, uL’vovo uchaze kabanzi ngempilo yakhe. 

“Ndinesifo segazi eligijima ngokweqileyo ihigh blood pressure ngolwasemzini, kwaye bendingawaseli ngendlela efanelekileyo amachiza am,” utshilo. 

“Enye yezinto endicinga ukuba zibe nomthelela kwisifo ebesindiphethe kukuba bendisitya ukutya okungekho sempilweni, kuba ndisoloko ndisendleni ndihamba imicimbi yomculo. Ngako ke ukudinwa kuye kwawongamela umzimba wam.”

Uthe uzakuqaphela nangakumbi iintlobo zokutya akutyayo, kuquka nokunciphisa ukusela utywala ngokweqileyo. 

Ethetha ngexesha alichithe noMampintsha, uL’vovo uthi waphukile emphefumlweni ngokusweleka kwakhe kwaye ulahlekelwe. 

“Undiqhathile kuba ndaya esibhedlele ndiyombona ngoLwesine, wathembisa ukuba uzakuphuma ukuze athengise ingoma yeqela lakhe iBig Nuz elithi “Ngeke”. Ngethamsanqa le ngoma iye yaphumelela iwonga lokuba yeyona ngoma yonyaka kwisikhululo sikanomathotholo Ukhozi FM.”

“Ndithe xa ndiphuma esibhedlele ngoMgqibelo, kwabe kuqhuba inkonzo yomngcwabo wakhe ebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela, ngelishwa khange ndikwazi nokuvalelisa okokugqibela,” utsho uLvovo. 

Ngaphandle komculo, uL’vovo ufumene amathuba okubayinxalenye yabalinganiswa kwimidlalo kamabona kude equka Uzalo kunye neHostela. 

Umfanekiso ongasentla: NguL’vovo Derrango 

Imvelaphi yomfanekiso: Sunday World