
Ngu Songeziwe Mapukata
Lungene kunyaka omtsha lugutyungelwe lilifu elimnyama usapho lwakwaNomaphelana njengoko intombi yolusapho eneminyaka elishumi elinesibhozo idlwengulwe yaze yahlatywa izihlandlo ezingaphezu kwamashumi amabini ngobusuku bangeCawa.
USinelizwi Nomaphelana washiya ikhaya lakhe kwilali yaseNtsundwane eNgqeleni kubusuku bomhla wokuqala walonyaka, esiya kubhiyozela unyaka omtsha nabantakwabo.
Umakazi kaSinelizwi, uPhuthuma Nomaphelana uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ababantwana baphume besiya kwindawo yentselo yasekuhlaleni bebathathu, kodwa kubuye ababini kuphela malunga neyure yesibini ekuzeni kusa.
“Xa ndibabuza ukuba bamshiyele ntoni, bathi babemshiye ekunye neqabane lakhe,” utshilo.
UPhuthuma utsalele umnxeba iqabane lika Sinelizwi, elathi lamxelela ukuba lizakulala kwindawo leyo yentselo, nto leyo ithetha ukuba wagqiba kwelokuba ahambe [uSinelizwi] yedwa ukubuyela ekhaya.
Ukholelwa ukuba umtshana wakhe udlwengulwe wabulawa endleleni egodukayo.
Omnye wabahlali abathe baphawula ngesisihelegu ngu ceba uZilindile Hibhane, uthe zange akwazi ukulala kakuhle ngobabusuku emva kokubona umzimba wexhoba.
“Lo mntwana wahlatywa amanxeba alishumi elinethoba kumzimba ongaphambili, ze abenamanxeba angaphezu kwesibhozo kumzimba wangasemva,” utshilo uceba exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Omnye wabahlali olugcwabevu ngumsindo uthathise kumakhasi ezonxibelelwano, egxeka abahlali ngokohluleka ukubonakalisa intiyo yabo malunga nokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini.
UOngeziwe Soqhayiya utyhola ngelithi kwesinye isiganeko sokubulawa kwenkondekazi yale lali, iinkokheli kunye nabahlali zange babonakalise nkathalo nto nje basibethisa ngoyaba esisiganeko.
“Nangona esaziwa umrhanelwa owenze lento kulomntwana, akukho kwa nto izakwenziwa,” ubhale wenjenje.
Kufutshane nomzimba wexhoba, abahlali bafumene isikhwanyana ekukholeleka ukuba sesomrhanelwa.
Ngethuba kukhutshwa lo mpapasho abakwantsasana bebengeka fumaneki ukuze baphefumle ngesisiganeko.
Umfanekiso ongasentla: NguSinelizwi Nomaphelana
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe