Akazazi ukuba udlala kweliphi ilizwe kanye kanye uRonaldo

Ngu Dylan Bettencourt

Incutshe yomdlali webhola ekhatywayo uCristiano Ronaldo ubhengeze iqela elitsha azakudlala kulo iAl Nassr ngokuhlwa kwangolwesibini, evakalisa ulonwabo lwakhe, lomdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe uthe wonwabile kukuba abe kwilizwe laseMzantsi Afrika. 

Noxa kunjalo, uRonaldo khange atyikitywe nale linye kumaqela eDSTV Premiership, kodwa utyikitywe liqela lase Saudi Arabia. 

Ngokucacileyo aliphumi ilizwe loMzantsi Afrika engqondweni yalo mdlali ungumphuthukezi, mhlawumbi uzibona ngathi ebezakuba ngcono ebonakalisa isakhono sakhe esele sincipha ngokuncipha kwimidlalo yePremier Soccer League (PSL). 

URonaldo wenze lempazamo ngethuba ebanga ngelithi esi ayisosiphelo kwisakhono sakhe sodumo. 

URonaldo uphazame wathi, “kum ayikokuphela kwesakhono ukuza kwilizwe loMzantsi Afrika” – nangona lempazamo ingakhange icace kakhulu, ubengazimiselanga kubiza ilizwe loMzantsi Afrika. 

URonaldo ubeboniswa kumawaka waka abalandeli kwibala lemidlalo leAl Nassr ngaphambi kokuba ajamelane nenkomfa yonondaba, apho abonakalise ukuzithemba kwakhe okuqhelekileyo. 

Ngaphandle kokwehla komgangatho wakhe, uRonaldo umile kwelokuba wenze isigqibo esifanelekileyo, kwaye ulindele impumelelo kwilizwe elikumbindi weMpuma.  

“Akusosiphelo sam esi. Ibhola yaseSaudi Arabia ikumgangatho wokhuphiswano namazwe ehlabathi. Ndiyayazi ukuba abantu abayazi lonto,” utshilo lomdlali. 

URonaldo uthethe ngesivumelwano sakhe “esisodwa” esizakwenza lomdlali ubefudula edlalela iReal Madrid arhole imali efikelele kuR3.4 billion ngonyaka. 

“Ndungumdlali ohamba yedwa. Ndophule onke amarekhodi kwaye ndiseza kuyenza lonto nalapha, kuba ndingumdlali ongaqhelekanga ohamba yedwa. Ku konke oku yinto eqhelekileyo,” utshilo uRonaldo kwinzame zokuxhasa isivumelwano sakhe sengqesho. 

Uqhubekeke waxhasa isigqibo sakhe sokudlalela ibhola yeSaudi Pro League, ngelithi ebekhona amanye amaqela kwihlabathi liphela ebenokuwadlalela kodwa uthathe isigqibo sokuzimanya neli qela lase Saudi Arabia. 

“Bekukhona amaqela aseBrazil, ePortugal, eMelika ne Australia, Kodwa ndikhethe iAl Nassr,” uchazile. 

Noxa kunjalo, iingxelo zithi ngokwesivumelwano sakhe neli qela, uRonaldo angaphinde abuyele kwilizwe lase Ngilane ukuba iqela iNewcastle United liyaphumelela ukuba yinxalenye yamaqela azakudlala kwiUefa Champions League. 

Omabini lamaqela iAl Nassr kunye neNewcastle United alawulwa liqumrhu elinye lezoshishino lase Saudi Arabia.

Emva kwalomsitho, uRonaldo uqalise ukuzilolonga kwi seshoni yakhe yokuqala neqela lakhe elitsha, nalapho kungalindeleka ukuba bayinxalenye yomdlalo wangolwesine. 

Umfanekiso ongasentla: Umsitho wokwaziswa kukaRonaldo’s kubalandeli beAl Nassr 

Imvelaphi yomfanekiso: @DeadlineDayLive