Ulwela indawo yakhe kwezopolitiko uNiehaus

Ngu Karabo Rammutla

UCarl Neihaus ugrogrisa ngokuqala umbutho omtsha wezopolitiko ngenjongo zokubonisa amanye amaqela “amadangatye”. 

Le nkokheli yayisakuba sisithethi sombutho weANC kunye negqala lomkhonto wesizwe likubhengeze oku ngoMvulo kwikhasi lezonxibelelwano lika Twitter, apho ebesithi uzakuphehlelela umbutho wabahlali kunye nezopolitiko ozakusebenzela ukuphucula abemi belizwe loMzantsi Afrika. 

“Sizakubabonisa amadangatye,” ubhale wenjenje kwikhasi lika Twitter.

“Sizakusebenza usuku nosuku, iyure ne yure side sifikelele kuzo zonke izinto esifuna ukuzifezekisa,” utshilo uNiehaus.

Lo kaNiehaus uthe uzakunika isilumkiso kumongameli uCyril Ramaphosa kunye nabangcatshi abakumbutho weANC malunga nesigqibo sakhe esitsha. 

“Umbutho weANC ulahlekile kwinto owawusekelwe yona, sele ujike uyinto esingayaziyo,” utshilo.

UNiehaus wanikwa uphum’aphele kumbutho weANC ngenyanga yoMnga ka 2021 ngenxa yeentetho awazenza emva kokugwetywa kukalowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ngenxa yokutyeshela umyalelo wenkundla. 

UNiehaus wafunyaniswa enetyala ngenyanga yoMnga ka2021, sisigqeba sekomiti ejongene nokuziphatha kwamalungu ombutho we ANC kwizihlandlo ezintandathu zokuziphatha gwenxa, kunye nokuhlazisa umbutho. 

Ukanti ukwathe kukho amalungu ombutho weANC amele ukutshabalalisa lombutho kwaye angazigcinanga izimvo nemibono yamagqala alombutho awayevalelwe kwisiqithi iRobben Island.

Umfanekiso ongasentla: lowo wayesaya kuba lilungu lombutho weANC uCarl Niehaus

Imvelaphi yomfanekiso: The Citizen