
Ngu Buziwe Nocuze
UAsanda Yeko khange akwazi ukuzonwabela iiholide zokuphela konyaka engazi nokuba inkwenkwana yakhe enenyanga ezintlanu isaphila kusini na.
UIvakele Yeko osalahlekileyo nangoku, wathunjwa ekuqaleni kwenyanga yoMnga emva kokuba lowo wayeqeshelwe ukugcina lemveku wayigcinisa kowasetyhini ongaziwayo ngethuba esiya kuthenga ukutya.
Kutyholwa ngelithi elinina lingaziwayo lazinikela ukugada abantwana ngethuba lowo wayegcina le mveku wayesaceba ukungena ngaphakathi kwivenkile yokutya eSomerset eKapa. uIvakele kunye nentombi yalowo wayegcina olusana, eneminyaka emithandathu bashiyeka nalo wasetyhini ngelixa unina esangena evenkileni.
Wathi xa ephuma evenkileni, usana olu kunye nentombi yakhe babengasabonakali nangotshengele.
Lo wasetyhini osele waphulukana nomsebenzi wakhe, uchaze ngelithi elinina lingaziwayo lazinikela ukumgadela abantwana ngethuba eyokuthenga..
Umntwana walo wasetyhini, wabuyiselwa ekhayeni lakhe, ngokutsho kuka Yeko.
Umntwana usalahlekile. “Bendiqala ukuba neKhrismesi ekrakra oluhlobo ebomini bam, ndingazi nokuba usaphila kusini na unyana wam. Ukungazi nokuba utya ntoni kwindawo akuyo kundenza ndingakwazi nokulala. Andazi nokuba ubomi bam buzakuqhubeka njani ndingekamfumani unyana wam,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Lomama uxhelekileyo ephefumlweni ubongoza lowo wathumba usana lwakhe ukuba alubuyise.
“Ndifuna umntwana wam abuye. Ngalo lonke ixesha ndisiva isikhalo somntwana ndiphuma phandle ndibaleka, ndinethemba lokuba ngunyana wam. Andazi nokuba ndenze ntoni ukudambisa lentlungu ndiyivayo. Ndiyacela umntu othathe umntwana wam ambuyise,” utshilo.
“Uxinizelelo lwengqondo endiphila nalo lulo oluzakiundibulala. Ndinoloyiko lokuba uzakuthi ebuya ndibe sele kukudala ndafayo.”
Inkonzo yesipolisa inike iqonga leendaba iScrolla.Africa imvume yokuba lipapashe umfanekiso kaIvakele ukuncedisa uphando lwabo.
Umfanekiso ongasentla: NguIvakele Yeko
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe