
Kusweleke abantu abalithoba kuquka nomntwana oneminyaka elishumi kungquzulwano olubangelwe luxinano kudederhu lwevenkile eUganda.
Esisithwakumbe senzeke kwiphaseji encinane kudederhu lwevenkile olukufutshane nohola wendlela edibanisa iKampala kunye nesikhululo seenqwelo ntaka iEntebbe kusuku olwandulela inyibidyala.
Amapolisa athi imibhiyozo ebekufanele yenzelwa unyaka omtsha, ijike yaba lunxunguphalo. Oludederhu lwevenkile lusetyenziswa minyaka le njengendawo eyaziwayo yokubukela imiboniso yokutshiswa kweziqhushumbisi ezikhupha imililo xa kungenwa kunyaka omtsha.
“Abantu baqale ngokutyhilizana bezama ukungena ngenkani kule phaseji kanye emva kokubetha kwentsimbi yeshumi elinanye ezinzulwini zobusuku. Uninzi lwabo luminxanisekile lwangakwazi kudlula kuba bebengena bebaninzi befuna ukubona lemiboniso,” atshilo amapolisa.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uLuke Owoyesigyire, olungquzulwano lusube imiphefumlo emihlanu ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo laze lashiya abanye bonzakele lubangelwe kukuxinana koluntu.
“Iinkonzo zoncedo olukhawulezayo zifike kwindawo yexhwayelo zathatha abantu abalimeleyo babalekiselwa esibhedlele, apho abalithoba bathe baqinisekiswa ukuba baswelekile,” utshilo kwimbalelwano ekhutshiweyo.
Esisithwakumbe senzeke kanye ngethuba kuqaliswa ukuvulelwa iminyadala yokwamkela unyaka ka2023 okokuqala kwilizwe elikwimpuma yelizwekazi iAfrika, kulandela ukumiswa kwentshukumo zoluntu ngenxa yobhubhane weCovid 19 kunye nemiceli mingeni yezokhuseleko.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: Uxinano olubulele abantu eUganda
Imvelaphi yomfanekiso: News24