
Ngu Doreen Mokgolo
Kumawaka abantu abaphuma kumaphondo aquka iMpumalanga, iRhawuti, iLimpopo kunye Nomntla Ntshona, akukho kubhiyozela unyaka omtsha ngaphandle kokuzimasa umnyhadala waminyaka le iDiturupa obanjelwa eMarapyane eMpumalanga.
Sele kuphele iminyaka engamashumi amahlanu, amaqela omxhentso aphuma kwiingingqi ezohlukeneyo edibana kwilali yaseMarapyane ngomhla wesibini kwinyanga yoMqungu ukuthatha inxaxheba kulomnyhadala.
Amanina namadoda eminyaka eyohlukeneyo afika enxibe izinxibo zamajoni, ezekubonakalisa izakhono zawo kwezomxhentso behambiselana nokubethwa kwamagubu, kunye nolonwabo lokubona inginginya yabantu besonwabela umsebenzi wabo ngokuziqhenya.
Umququzeleli womnyhadala walonyaka uKgosi Motsene uwuqhwabele izandla umsitho walonyaka, exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ububanjwe ngenjongo yokuqinisekisa ukuba liyaphila kwaye liyaqhuba isiko laseDiturupa.
“Kwiminyaka edlulileyo, amaqela ebedla ngokuxhentsa kungekho nto icwangcwisiweyo besenzela nje ukonwabisa uluntu kwingingqi zabo ngexesha lokuphela konyaka, Utshilo.
“Oku sasikwenza ukugcina abantu abatsha benento abayenzayo, ukuze bangangeni kwimikhwa engalunganga ngexesha leholide zokuphela konyaka kude kufike ixesha lokuba babuyele esikolweni kwakhona.”
Wongeze ngelithi kunyaka ka2018, bagqiba kwelokuba bawadibanise ndawonye lamaqela ukuze abahlali bonwabele lomxhentso ngaphandle kokunyanzeleka ukuba bahambe zonke ezilali belandela iqela lomxhentso abalithandayo.
Emva komsitho, amaqela kulindeleke ukuba afumane izipho zokuwabulela ngokuba yinxalenye yalomsitho, ezizakuphuma kwimali eqokelelwe kwintengiso yamatikiti.
UMargaret Mofomme oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu osuka kwindawo yaseMakapanstad kwiphondo laseMntla Ntshona, uthe waqala ukuba yinxalenye yomsitho waseDiturupa eneminyaka esibhozo.
“Umsitho waseDiturupa sele uyinxalenye yamasiko ethu nendlela esiphila ngayo, kwaye ndiyawuze ndiyeke ukuwuhamba mhla inyawo zam zohlulakala kukundithwala.”
“Saqala ukulungiselela olusuku ngenyanga yoMsintsi, apho besipheka siphothula iindlela zethu zokuxhentsa nezinye izakhono zethu. Ukusebenza nzima kwethu kusisebenzele, njengoko sifumene imali efikelele kumakhulu amahlanu eeRandi kubabukeli,” utshilo.
Le nkondekazi sele isidla umhlalaphantsi ithe umnqweno wayo kukubona uninzi lwabantu abatsha bethatha inxaxheba kulomnyhadala ukuqinisekisa ukuba elisko alipheleli moyeni ngokuhamba kwexesha.
“Nathi elikhondo salithatha kookhokho bethu, ngoku silidlulisela kubantu abatsha abanesakhono.”